Imbali yesizwe sama Hlubi Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaHlubi Zininzi iimbali ezibaliswa ngesizwe samaHlubi. Zimbi zifumaneka ngokubaliswa ngomlomo ekubeni ezinye zibhalwe kwiincwadi ezithile. AmaHlubi sisizwe hayi isiduko. Isizathu sokuba nditsho yinto yokuba abantu abaninzi, ukuquka amaHlubi ngokwawo, bacinga okanye bazi ukuba eligama lithi Hlubi libhekiswa kooRadebe. Akunjalo. Eli gama lithi Hlubi ligama lesizwe. Imbali ithi amaHlubi ayinzala yesizwe sabeNguni esasikhokelwa nguMnguni ukusuka kuMntla-Mpuma …

Funda okunye

Iziduko zoo Mazibuko Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Mazibuko,Mwelase,Khondlo,Wena owangena nesikhuni emanzini waphuma naso sivutha,Wena ongaweli ngazibuko owela ngezihlangu zamadoda,S’gawuli semithi emide nemifutshane,Mgabh’amafu ohamba ubugwadugwadu emafini,Manzezulu,Phuthini,Muna,Nkobeni,Mzila,Mangwe,Mpulo,Siwela,Nzibulamase ngobulandakazi,Obuhlasehlase ithambo elagedla ezintabeni,Ekuthiwa ngabo nakhu esevula izibuko lokuwelaKwathiwa nguMwelase,Hlathikhulu,Kuhlase kaMgabhi! Categories: Iziduko zama Ngwe / Phuthini.

Ulwimi lwesi Hlubi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaHlubi asisizwe esizimeleyo esinolwimi laso. Ulwimi lwamaHlubi lwahlukile kwiilwimi zezinye izizwe zalapha eMzantsi Afrika. Ulwimi lwamaHlubi sisiHlubi.  Masingaphazanyiswa kukuba amanye amaHlubi ethetha isiXhosa, sicinge ukuba angamaXhosa okanye alisebe elithile lamaXhosa. Kwakhona masingaphazanyiswa kukuba amanye amaHlubi ekhuluma isiZulu sibe sesigqiba ukuba angamaZulu.  Ndicing’ ukuba niyayikhumbula imbali yokubhangiswa kwamaHlubi endithethe ngayo ngentl’ apha. Kungoko ufumana amaHlubi athetha …

Funda okunye

Imbali yesizwe sama Phuthi / ama Ngwe Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Isizwe samaPhuthi sesinye sezizwe ezifumaneka kwilizwe laseMzantsi Afrika. Naso esi sizwe santlithwa ngumkhuhlane wokuba sicingelwe ukuba sisisizwe samaZulu. AmaPhuthi awazange abe ngamaZulu namaZulu awazange abe ngamaPhuthi. Njengezinye izizwe ezimnyama zalapha eMzantsi Afrika, naso esi sizwe sikwachaphazeleka ekubeni ingachanwa ncam ingcambu yaso okanye intsukaphi yaso. Loo meko singafane siyiqukumbele ngelithi kwakudaladala, kwa ukubakho kwezizwe zokuqala apha …

Funda okunye