Isizwe samaPhuthi sesinye sezizwe ezifumaneka kwilizwe laseMzantsi Afrika. Naso esi sizwe santlithwa ngumkhuhlane wokuba sicingelwe ukuba sisisizwe samaZulu. AmaPhuthi awazange abe ngamaZulu namaZulu awazange abe ngamaPhuthi.
Njengezinye izizwe ezimnyama zalapha eMzantsi Afrika, naso esi sizwe sikwachaphazeleka ekubeni ingachanwa ncam ingcambu yaso okanye intsukaphi yaso. Loo meko singafane siyiqukumbele ngelithi kwakudaladala, kwa ukubakho kwezizwe zokuqala apha eMzantsi, naso esi sizwe sesinye sezizwe ezazikho kwaye ezisekho nakaloku nje.
Nakubeni eli gama lithi amaPhuthi lithande ukuxhaphaka, elona gama lesi sizwe ngamaNgwe. Nakubeni kungekho nkcazelo ethe tse nethe ngqo yokuba livela phi eli gama lithi Phuthi okanye Phuthini, kusenokwenzeka ukuba lanamatheliswa ngabelungu kuba ngexesha lolawulo kwamaNgesi kummandla waseNatali, ikumkani yamaNgwe yayinguPhuthini Mazibuko. Ngenxa yeziganeko phakathi kwamaNgesi, amaHlubi kunye namaPhuthi, ezenzekayo kuloo minyaka lagqama ngakumbi igama lamaPhuthi. Kanti ke abeLungu bona babesithi ngamaPhuthili.
Imbali yamaPhuthi ibuye yenziwe nzinyana ngokuba anamathiselwa kwizizwe ezahlukileyo ngakumbi kwiphondo leMpuma Kapa. Lawo akwiphondo laKwaZulu-Natal aziwa njengamaZulu, akwiphondo leMpuma Kapa aziwa njengamaXhosa okanye amaHlubi, kanti kwalapha kwiphondo leMpuma Kapa, kwingingqi yaseHeshele, Matatiele naseMount Fletcher, kukwacingelwa ukuba bangabeSuthu. La azayamanisa nabeSuthu angcambu yawo ayitsala kukumkani uMoorosi kwaye besebenzisa eli gama lithi Phuting. Kwiphondo laKwaZulu-Natal, eZimbabwe kunye naseBotswana kusetyenziswa eli gama lithi amaNgwe.
Njengazo zonke iimbali zomzi oNtsundu ezazingabhalwanga ngosiba koko zibhalwa engqondweni, kubenjalo nakweyamaNgwe imbali. Le meko ide ikhokelele ekubeni ingafani twatse imbali eyenziwa ngomnye. Ixananaze olo hlobo imeko yamaPhuthi. Eli gama lithi Phuthi limele ukuba sisishunqulelo segama elithi Phuthini.Nayo imbali yamaPhuthi okanye amaNgwe iphakathi kweembali ezinqabileyo kumaqonga e-elektroni.
Imvelaphi yamaNgwe ithi nawo asuka kumantla ezwekazi i-Afrika, kude kuthiwe asuka kwindawo ekuthiwa kuseMangweni.
Kukwakho nembali ethi zimbini iintlobo zamaNgwe. Kukho awasePhasiwe, ze kubekho awaseSandlwana. La wasePhasiwe ayanyaniswa noPhuthini, uMazibuko, ze la aseSandlwana ayanyaniswe noZwane. Masibe siyishwankathela le nyewe ngelithi kuninzi ekusafuneka kuphandiwe malunga nemvelaphi yesizwe samaNgwe okanye amaPhuthini. Kwakhona kukwabalulekile ukuba amaNgwe ayisukumele imbali yawo ingekade ifiphale njengoko kwakuyinjongo yamakoloniyale ukubhangisa isizwe samaPhuthini kunye nesamaHlubi.
Imimandla yaMangwe okanye Phuthini
Imbali ithi amaNgwe afumaneka kwiindawo ezinje ngoHlobane ngaseFiliti, eMtshezi, Mnambithi, phantsi kweeNtaba zoKhahlamba, nakwezinye iziphaluka zephondo leKwaZulu-Natal.
Kukho imbali ethi amaHlubi namaNgwe ayesakuhlala kwindawo ekuthiwa yiNcaka ze ngenxa yokuhlaliswa ngempund’ enye nguMpande, basaba bewelela kule ndawo kuthiwa yiNatal. Kuyabaliswa nangelithi amanye amaNgwe awela iintaba zoKhahlamba ayakutsho kule ndawo kuthiwa yiQuthing, kanti amanye ayakutsho nakule ndawo kuthiwa kuseQwaqwa. Yile nto uthi xa uthetha ngamaNgwe ezi ziphaluka zibini kuthethwa ngamaPhuting. Bakwangawo amaNgwe.
AmaPhuthi kunye namaHlubi zizizwe ezisoloko zifumaneka ndaweni nye. Ezi zizwe ziyendiselana kangangokuba unina ka Langalibalele I, uNtambose, ngudade boPhuthini kwaye uLangalibalele I wakhulela kulonina. Kungoko uyakufumanisa ukuba apho kukho amaHlubi namaPhuthi ayafumaneka ngobuninzi bawo. Okanye singayibeka nangokuthi apho kukho amaPhuthi namaHlubi ayafumaneka ngobuninzi bawo.
Kanti ke njengoko sesitshilo ayafumaneka nakweli phondo leMpuma Kapa, eHeshele, Matatiele, Mount Fletcher.
Ngokuqinisekileyo, njengezinye izizwe amaPhuthi, amaNgwe, akho kulo lonke eloMzantsi Afrika.
AmaNgwe akho eBotswana, Lesotho, Mozambique kunye naseZimbabwe. La maNgwe akula mazwe angaphandle koMzantsi ayazizimasa iindibano zomgubo wesizwe ezibanjelwa kwikomkhulu lamaNgwe eNtshenteka kummandla weVryheid (eNtshenteka) kwiphondo laKwaZulu-Natal.