Amasiko ama Ngwe / Phuthini

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Nawo amaPhuthi anawo amasiko njengazo zonke iintlanga. Kwakhona amasiko awo ayelelene nalawo enziwa zezinye izizwe ezintsundu zalapha eMzantsi koloni. Okokuqala nawo amaPhuthi ayakholelwa kubukho boMdali, uMvelinqangi okanye uNkulunkulu. Kwakhona, nawo amaPhuthi ayakholwelwa kwizinyanya kwaye bewenza amasiko ahambelana nokuhlonipha ababo abangasekhoyo. Imbeleko lisiko lokuqala ukwenzelwa umntwana nalapha kumaPhuthi. Isiko elilandelayo ezintomibini lisiko lentonjane okanye umhlonyane, ze …

Funda okunye

Iziduko zamaNgwe / Phuthini Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaPhuthi sesinye sezizwe ekungalulanga ukufumana uluhlu lweziduko okanye izibongo zaso. Mhlawumbi esinye sezizathu ezenza oko kukuba nawo amaPhuthi aginyeka kwisizwe samaZulu ngexesha leZwekufa eyenziwa ngamaNgesi ngomnyaka ka 1873, apho ayetshabalalisa kwanto eyindoda kwisizwe samaPhuthi namaHlubi. Loo meko yadala ukuba amanye amaPhuthi namaHlubi aphaphame kusithiwa bangamaZulu kungenjalo. Kuluhlu lwezibongo okanye iziduko zamaPhuthi sifane safumana le mbinana …

Funda okunye

Iziduko zoo Ndiweni Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ndiweni,Mkheswa,Mdladla abadla amandla abo,Njola,Mpofu,Mthiyane,Thwalabesabe,Madlodlongwane,Magangane,Lo maphikela,Sisu salal’ inkosi,Lodunge olwadung’ izizwe,Ijub’ elasuka lengoda kwasinqaleni,Buhlasi bendlunkulu,Ntanzikusela ngluthwal’ isala sensele,AmaLeb’ omfula,Nina amalebe omfula

Ulwimi lwama Ngwe / Phuthi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaPhuthi anolwimi lwawo lwemveli. Ngelishwa nawo awasindanga kwishwangusha lokuba baqukaniswe kula ngxowa yokuba ngabeNguni, kwaye kuphunyezwe iilwimi zesiXhosa nesiZulu ukuba zezona lwimi zesiNguni zisemthethweni. Kwakumabanga aphantsi ezikolweni ukuya kwaphezulu, abantwana bamaPhuthi okanye amaNgwe akwiphondo iKwaZulu-Natal bafundiswa ngolwimi lwesiZulu. Abo bakwiphondo leMpuma-Kapa bafundiswa ngolwimi lwesiXhosa okanye lwesiSuthu, kuxhomekeka ukuba bakweyiphi na ingingqi. Kusenzeka konke oku nje …

Funda okunye

Iziduko zoo Meyiwa Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

MeyiwaNtusiBheshwanaMakholekaMlamulaMabozaZehlengeleMangininda ngomkhonto abanye bengininda ngeshlanjana.Abakamkhonto olotsholwa njengentombi,Nina enehla ngomzungulu wasala wabola,Amachwane azalela ngaphesheya kolwandle abuye sebhabhaza,Abakathenge,NomdayiMangamahle,Somi elihle elimlom’  bomvu.

Iziduko zoo Zwane Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

ZwaneMangweniZikodzeZikodze waPhikelaShangaseZwane akadleli phansiUdlela emkhombeni wenyamataneNsele ndvunaNsele yeMangweniTfwatfwala sensele!Wena watfwala silo senseleWena lowadla insele kantsi wasenseleniNsele longanani nasentendeni yemkhonto uyahlala,LindzamkhontoWena wamabhayi akalingani phantsi nangetuluVezi lowadla sihlahla njengegwabatane,Wena wajojo kaMangetse,Mangetse waNtjenteka!Shobane!Nibahle boZwane ninjengetinkhwapha tetimpahla nakuyoshona lilanga! Categories: Iziduko zama Ngwe / Phuthini.

Iziduko zoo Ntshangase Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ntshangase,Mgaz’ opojwana,Menziwa,Njezi kaXhoko,Ndabezitha,Mvundlane waseKhabeni,Phathakwayo,Masiphula kaMamba ongaphikiswa,Ntopho,Vekuza ngejozi abafokazana bevekuz’ into zabo,Mbeng’ osind’ abosi,Biyela,Ndaba,Sobethu,Dinane wena owadina amakhosi wakwaZulu,Nyengelezi yamanzi,Hlangabeza ophasiya usgcawu sgidabelungu,Umgwaz’ abuye nes*nde,Ichibi lishile imilambo izogcwala,Mdlaka kaNcidi noNtopho,Wena wangasentla,KaNtshakenii kaNdaba,KaPhunga noMageba

Iziduko zoo Nxamalala Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Nxamalala,Msholozi,Mdlovu,Zuma,Bophela,Novela,Mpisi,Zitha,Lugaju kaMatomela,KaShisa,Chongochi,Nyambisa,Hloko-hloko,Maphum’ ephethe inyama ngala, amasi ngapha nobukhosi, amasi ngapha nobukhosi phambili,Mafahleni,Mashingizela ashiye impi yakhe,Dwala elibushebelezi,Mangcengceza kashayankomo,Nyathi emnyama enyathela ngemkhonto amanye amakhosi enyathela ngezitho,Abasengwakazi abayisenga bayishinyelela,Abandlela zintathu ziya emzini munye,Abakwasenza kwenzeke,Amahlokohloko adla insimu ayililela,Mpisi kaNovela ehla ngesilulu abafokazana befika ngezinyawo