AmaPhuthi anolwimi lwawo lwemveli. Ngelishwa nawo awasindanga kwishwangusha lokuba baqukaniswe kula ngxowa yokuba ngabeNguni, kwaye kuphunyezwe iilwimi zesiXhosa nesiZulu ukuba zezona lwimi zesiNguni zisemthethweni. Kwakumabanga aphantsi ezikolweni ukuya kwaphezulu, abantwana bamaPhuthi okanye amaNgwe akwiphondo iKwaZulu-Natal bafundiswa ngolwimi lwesiZulu. Abo bakwiphondo leMpuma-Kapa bafundiswa ngolwimi lwesiXhosa okanye lwesiSuthu, kuxhomekeka ukuba bakweyiphi na ingingqi. Kusenzeka konke oku nje kuthiwa bafundiswa ngolwimi lwabo lwenkobe.
Ngelo xesha kunjalo, amaPhuthi analo ulwimi lwawo. Amakhumsha ke alidibanisa nezi lwimi kuthiwa kukuTekela. Ulwimi lwamaPhuthi kuthiwa sisiPhuthi. Ukucaphula nje, nantsi imizekelo yolwimi lwesiPhuthi:
Sifinyeto [siPhuthi]
Ipampiri lhe inyatshella buhlogwa be kuhlaganela musebeti gekuphidza tiyato le tifikelwe yhitikhulumi lhetiyati-mukhulumo emusebetini whekutleketa mukhulumo whesiPhuthi lheku sivusuluta. Ekubeni kusjiyekiye te tikhulumi letitigidi letimbalwa temukhulumo, siPhuthi sikegotini lesabekako yhekucimela; futshi mukhulumo lho lhetikhulumi tawo tiya swayiwa kabhe tiya khetshullwa emayemweni hhemaphasi hhakeLesotho lakeSouth Africa. Titleketi letitshatfhu talhe ipampiri, sikhulumi sesiPhuthi (L1) lhetiyati-mukhulumo letibini takeMusjiya, isali bahlaganele lho musebetii kudlula minyaka lemunyuka ledluliye. Ebayemedi bemukhulumo labachaphatelekako lhetiyati-mukhulumo banka ematiphedvulello laphabhene kusebetana lhetidzaba letigesihlokweni kulho musebeti, kutjho kutshi, kutinswa emadla kwebaPhuthi lhekuvusulutwa kwemukhulumo whesiPhuthi.
Xa le ntetho guqulelwe esiXhoseni ithi:
Isishwankathelo [isiXhosa]
Eliphepha ligxininisa kakhulu ekubalulekeni kokusebenzisana, nokwabelana ngembali nangamava obomi abiwa ngabantu abathetha olulwimi neezazi zeelwimi jikelele, malungana nephulo lo kugcina nokuvuselela ulwimi lwesiPhuthi. Ngamawaka ambalwa kuphela aseleyo abantu abantetha isiPhuthi, kwaye loonto ibonisa ukuba olulwimi lusesichengeni sokulityalwa okanye okuchwethelwa ecaleni xasijonga imo yombumi eLusutho naseMzantsi Afrika. Ababhali beliphepha abathathu; omnye wabo ukwinqanaba le L1 lolwimi, bathe basebenzisana nezazi zeelwimi zaphesheya kuleminyaka emithandathu egqithile. Abayintetho yesiPhuthi kunye nezazi zeelwimi bebasebenzisana kunye ekushukuxeni imiba emayelana nolwimi lwesiPhuthi. Umzekelo: Kujongwe indlela yokuphakamisa ulwimi lwesiPhuthi ukuba lwaziwe, kunye nokubhalwa phantsi kwalo.
Nanga amanye amagama olwimi lwesiPhuthi:
| isiPhuthi | isiXhosa |
| -ciga | cinga |
| í-dlu | ind |
| í-jhá | inja |
| téjhe | nje |
| ká-nci | kancinci |
| -mabha | bamba/phatha |
| mú-ti | umzi |
| sí-Goní | isiXhosa |
| sí-Kgúwá | IsiLungu |
| sí-Phûthî | IsiPhuthi |
| -tfwátsha | Thwala |
| -tjhá | ntsha |
| -tshádza | thanda |
| -visísa | qonda |
| Gi-ya-ku-tshádza | Ndiyakuthanda |
| Gi-visísá sí-Goní ká-nci téjhe | Ndisazi kancinci nje isiXhosa |
| Gi-ya-w(u)-tshádza m(ú)-ti wh-ákho lóm(u)-tjhá | Ndiyawuthanda lo mzi wakho mtsha |
| Gi-ya-yi-tshádza mú-ti yh-ákho lémi-tjhá | Ndiyayithanda le mizi yakho mitsha |
| Gi-ya-si-visísa sí-Goní | Ndiyasazi isiXhosa |
| Gi-ya-yi-tshádza í-dlhu yh-ákho lé-tjhá | Ndiyayithanda le ndlu yakho intsha |
| Gi-ya-ti-tshádza tí-dlhu t-ákho lé-tjhá | Ndiyazithanda ezi zindlu zakho zintsha |
| Si-ya-yí-mabha í-bhîtá yh-ákho lé-kgúlú | Siyayiphatha le imbiza yakho enkulu |
| Si-yi-mábh-iye í-bhîtá yh-ákho lé-kgúlú | Siyiphethe imbiza yakho enkulu |
| Si-ya-tí-mabha tí-bhîtá t-ákho léti-kgúlú | Siyaziphatha ezi mbiza zakho zinkulu |
| Si-ti-mábhiye tí-bhîtá t-ákho léti-kgúlú | Siziphethe ezi mbiza zakho zinkulu |
| Ito lakha | Yiza apha |
| Ku-ya-nqadza lakha kha(ha)dle | Kuyabanda phaya phandle |