Ulwimi lwama Ngwe / Phuthi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaPhuthi anolwimi lwawo lwemveli. Ngelishwa nawo awasindanga kwishwangusha lokuba baqukaniswe kula ngxowa yokuba ngabeNguni, kwaye kuphunyezwe iilwimi zesiXhosa nesiZulu ukuba zezona lwimi zesiNguni zisemthethweni. Kwakumabanga aphantsi ezikolweni ukuya kwaphezulu, abantwana bamaPhuthi okanye amaNgwe akwiphondo iKwaZulu-Natal bafundiswa ngolwimi lwesiZulu. Abo bakwiphondo leMpuma-Kapa bafundiswa ngolwimi lwesiXhosa okanye lwesiSuthu, kuxhomekeka ukuba bakweyiphi na ingingqi. Kusenzeka konke oku nje kuthiwa bafundiswa ngolwimi lwabo lwenkobe.

Ngelo xesha kunjalo, amaPhuthi analo ulwimi lwawo. Amakhumsha ke alidibanisa nezi lwimi kuthiwa kukuTekela. Ulwimi lwamaPhuthi kuthiwa sisiPhuthi. Ukucaphula nje, nantsi imizekelo yolwimi lwesiPhuthi:

Sifinyeto [siPhuthi]

Ipampiri lhe inyatshella buhlogwa be kuhlaganela musebeti gekuphidza tiyato le tifikelwe yhitikhulumi lhetiyati-mukhulumo emusebetini whekutleketa mukhulumo whesiPhuthi lheku sivusuluta. Ekubeni kusjiyekiye te tikhulumi letitigidi letimbalwa temukhulumo, siPhuthi sikegotini lesabekako yhekucimela; futshi mukhulumo lho lhetikhulumi tawo tiya swayiwa kabhe tiya khetshullwa emayemweni hhemaphasi hhakeLesotho lakeSouth Africa. Titleketi letitshatfhu talhe ipampiri, sikhulumi sesiPhuthi (L1) lhetiyati-mukhulumo letibini takeMusjiya, isali bahlaganele lho musebetii kudlula minyaka lemunyuka ledluliye. Ebayemedi bemukhulumo labachaphatelekako lhetiyati-mukhulumo banka ematiphedvulello laphabhene kusebetana lhetidzaba letigesihlokweni kulho musebeti, kutjho kutshi, kutinswa emadla kwebaPhuthi lhekuvusulutwa kwemukhulumo whesiPhuthi.

Xa le ntetho guqulelwe esiXhoseni ithi:

Isishwankathelo [isiXhosa]

Eliphepha ligxininisa kakhulu ekubalulekeni kokusebenzisana, nokwabelana ngembali nangamava obomi abiwa ngabantu abathetha olulwimi neezazi zeelwimi jikelele, malungana nephulo lo kugcina nokuvuselela ulwimi lwesiPhuthi. Ngamawaka ambalwa kuphela aseleyo abantu abantetha isiPhuthi, kwaye loonto ibonisa ukuba olulwimi lusesichengeni sokulityalwa okanye okuchwethelwa ecaleni xasijonga imo yombumi eLusutho naseMzantsi Afrika. Ababhali beliphepha abathathu; omnye wabo ukwinqanaba le L1 lolwimi, bathe basebenzisana nezazi zeelwimi zaphesheya kuleminyaka emithandathu egqithile. Abayintetho yesiPhuthi kunye nezazi zeelwimi bebasebenzisana kunye ekushukuxeni imiba emayelana nolwimi lwesiPhuthi. Umzekelo: Kujongwe indlela yokuphakamisa ulwimi lwesiPhuthi ukuba lwaziwe, kunye nokubhalwa phantsi kwalo.

Nanga amanye amagama olwimi lwesiPhuthi:

isiPhuthiisiXhosa
-ciga  cinga
í-dluind
í-jhá  inja
téjhe nje
ká-nci kancinci
-mabha bamba/phatha
mú-ti umzi
sí-Goní isiXhosa
sí-Kgúwá IsiLungu
sí-Phûthî IsiPhuthi
-tfwátsha Thwala
-tjhá ntsha
-tshádza  thanda
-visísa qonda
Gi-ya-ku-tshádzaNdiyakuthanda
Gi-visísá sí-Goní ká-nci téjheNdisazi kancinci nje isiXhosa
Gi-ya-w(u)-tshádza m(ú)-ti wh-ákho lóm(u)-tjhá Ndiyawuthanda lo mzi wakho mtsha
Gi-ya-yi-tshádza mú-ti yh-ákho lémi-tjhá  Ndiyayithanda le mizi yakho mitsha
Gi-ya-si-visísa sí-Goní Ndiyasazi isiXhosa
Gi-ya-yi-tshádza í-dlhu yh-ákho lé-tjhá Ndiyayithanda le ndlu yakho intsha
Gi-ya-ti-tshádza tí-dlhu t-ákho lé-tjhá Ndiyazithanda ezi zindlu zakho zintsha
Si-ya-yí-mabha í-bhîtá yh-ákho lé-kgúlú Siyayiphatha le imbiza yakho enkulu
Si-yi-mábh-iye í-bhîtá yh-ákho lé-kgúlú Siyiphethe imbiza yakho enkulu
Si-ya-tí-mabha tí-bhîtá t-ákho léti-kgúlú Siyaziphatha ezi mbiza zakho zinkulu
Si-ti-mábhiye tí-bhîtá t-ákho léti-kgúlú  Siziphethe ezi mbiza zakho zinkulu
Ito lakha Yiza apha
Ku-ya-nqadza lakha kha(ha)dleKuyabanda phaya phandle

Leave a Reply