Ulwimi lwama Ngwe / Phuthi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaPhuthi anolwimi lwawo lwemveli. Ngelishwa nawo awasindanga kwishwangusha lokuba baqukaniswe kula ngxowa yokuba ngabeNguni, kwaye kuphunyezwe iilwimi zesiXhosa nesiZulu ukuba zezona lwimi zesiNguni zisemthethweni. Kwakumabanga aphantsi ezikolweni ukuya kwaphezulu, abantwana bamaPhuthi okanye amaNgwe akwiphondo iKwaZulu-Natal bafundiswa ngolwimi lwesiZulu. Abo bakwiphondo leMpuma-Kapa bafundiswa ngolwimi lwesiXhosa okanye lwesiSuthu, kuxhomekeka ukuba bakweyiphi na ingingqi. Kusenzeka konke oku nje …

Funda okunye

Imbali yesizwe sama Phuthi / ama Ngwe Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Isizwe samaPhuthi sesinye sezizwe ezifumaneka kwilizwe laseMzantsi Afrika. Naso esi sizwe santlithwa ngumkhuhlane wokuba sicingelwe ukuba sisisizwe samaZulu. AmaPhuthi awazange abe ngamaZulu namaZulu awazange abe ngamaPhuthi. Njengezinye izizwe ezimnyama zalapha eMzantsi Afrika, naso esi sizwe sikwachaphazeleka ekubeni ingachanwa ncam ingcambu yaso okanye intsukaphi yaso. Loo meko singafane siyiqukumbele ngelithi kwakudaladala, kwa ukubakho kwezizwe zokuqala apha …

Funda okunye