Ulwimi lwama Ngwe / Phuthi
AmaPhuthi anolwimi lwawo lwemveli. Ngelishwa nawo awasindanga kwishwangusha lokuba baqukaniswe kula ngxowa yokuba ngabeNguni, kwaye kuphunyezwe iilwimi zesiXhosa nesiZulu ukuba zezona lwimi zesiNguni zisemthethweni. Kwakumabanga aphantsi ezikolweni ukuya kwaphezulu, abantwana bamaPhuthi okanye amaNgwe akwiphondo iKwaZulu-Natal bafundiswa ngolwimi lwesiZulu. Abo bakwiphondo leMpuma-Kapa bafundiswa ngolwimi lwesiXhosa okanye lwesiSuthu, kuxhomekeka ukuba bakweyiphi na ingingqi. Kusenzeka konke oku nje …