Nawo amaPhuthi anawo amasiko njengazo zonke iintlanga. Kwakhona amasiko awo ayelelene nalawo enziwa zezinye izizwe ezintsundu zalapha eMzantsi koloni. Okokuqala nawo amaPhuthi ayakholelwa kubukho boMdali, uMvelinqangi okanye uNkulunkulu. Kwakhona, nawo amaPhuthi ayakholwelwa kwizinyanya kwaye bewenza amasiko ahambelana nokuhlonipha ababo abangasekhoyo. Imbeleko lisiko lokuqala ukwenzelwa umntwana nalapha kumaPhuthi. Isiko elilandelayo ezintomibini lisiko lentonjane okanye umhlonyane, ze emakhwenkweni ibe lisiko lolwaluko.
Xa silanda indlela aqhutywa ngayo la masiko siyakufumana ukuba amaPhuthi enza ngokuyeleleyo kwezo zizwe akhelene nazo. Oko kukuthi kuyelelene nokwenziwa ngamaHlubi kunye nabeSuthu. Kodwa loo nto ayithethi ukuba amaPhuthi enza amasiko amaHlubi nabeSuthu.Kanti ke nabo baphakathi kwamaZulu enza ngokuyeleleneyo noko kwenziwa ngamaZulu, kodwa kungesukuba angamaZulu. Kwakhona, nawo amaPhuthi anazo iinkolelo, zimbi zide zibe nobuzaza njengoko kunjalo nakwezinye izizwe eziNtsundu. Abantu abangamabhinqa bayatyholwa ngobuthi de bade babe secicini lokubulawa okanye bagxothwe kwezo lali zabo. Maxa wambi bade babulawe. Ezinye izifo ngezifo nezigulo ngezigulo zayanyaniswa ngokuthakathwa. Idla ngokuba ngamagqirha anuka abantu ngobuthi. Maxa wambi loo magqirha anika loo ‘maxhoba’ amayeza okuwakhusela kuloo magqwirha, kanti ke ngamanye amaxesha amaxhoba bawathumela kumaxhwele asebenzisana nawo ukuze anike abo kucingelwa ukuba bangamaxhoba loo mayeza ahambelana neso sifo sifakwe kuwo.
AmaPhuthi nawo ayatshatisa ngokwesiko lawo kwanjengazo zonke izizwe eziNtsundu. Intombi iyacelwa ze ilotyolwe nguloo mfana uphandlwe yiyo. Kusakufikelelwa kwinani elithile leenkomo umfana uyamkelwa njengonyana weli khaya lakulontombi. Umtshato wesiNtu ungaqhuba ngokuthi kusiwe iduli kulomyeni. Ziyenziwa zonke ke izithethe, imikhwa, nezangotshe zokwamkela abatshakazi kulomyeni. Kukwanjalo ukwenziwa kwaloo mikhwa naxa kufika abayeni kulomtshakazi. Nezo zithethe zihambelana ngokufuthelana kwamasiko nezizwe zezo ndawo amaPhuthi aphila kuzo. Emva kwezo zithethe zokwamkelwa kwabatshakazi, bamkelwa ngokuxhelelwa inkomo, mhlawumbi zikhatshwe ziigusha neebhokhwe. Kusuku olulandela eloduli kuyambeswa. Kukhutshwa izipho ngezipho ke xa kusambeswa. Ngokwahluka kweziphaluka neendawo, umakoti udliswa ukudla kweli khaya litsha. Kwezinye iziphaluka oku kuthiwa yindlakudla okanye ukudlisa umakoti. Yile nkqubo amaXhosa athi ngutsiki.
Njengesizwe esizimeleyo, nawo amaPhuthi anamasiko, izithethe nemikhwa eyeyabo. Asinakuzibalisa zonke. Kodwa ke sicela umngeni kumaPhuthi okanye amaNgwe ukuba akhe ahlomle ngembali yawo xa edibene neli khasi lingawo kweli qonga le iafrika.com Musani ukuzifihla ebumnyameni maNgwe, maPhuthi.
Ikhwelo lityala, maNgwe, maPhuthi!