AmaPhuthi sesinye sezizwe ekungalulanga ukufumana uluhlu lweziduko okanye izibongo zaso. Mhlawumbi esinye sezizathu ezenza oko kukuba nawo amaPhuthi aginyeka kwisizwe samaZulu ngexesha leZwekufa eyenziwa ngamaNgesi ngomnyaka ka 1873, apho ayetshabalalisa kwanto eyindoda kwisizwe samaPhuthi namaHlubi. Loo meko yadala ukuba amanye amaPhuthi namaHlubi aphaphame kusithiwa bangamaZulu kungenjalo.
Kuluhlu lwezibongo okanye iziduko zamaPhuthi sifane safumana le mbinana ingezantsi, ekungazini phofu nokuba nayo ichanile na.
Biyela
Jele
Luvuno
Mazibuko
Mlambo
Msomi
Mthiyane
Ndaba
Ndiweni
Nsele
Ntshangase
Nxamalala
Zwane
Siyamema ke ukuba amaPhuthi alilungise olu luhlu ngokuthi alandele iziduko ezifumaneka kwikhasi elithi https://www.iafrika.org.