Ubukumkani bama Hlubi (Ama Hlubi Kingdom)

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaHlubi asisizwe esinobukumkani baso. Ukubangaba babukho ubukumkani ngaphambi kokuba basokufika apha eMzantsi Afrika kungakholeleka ukuba loo kumkani yayinguMnguni. Masikhumbule kwakhona ukuba uXhosa noMthembu baye baqhuzuka kwiqela elalikhokelwa nguMnguni ze bamisela obabo ubukumkani. Singabuya sithi uMnguni waqhubekeka wangukumkani wemiHuhu namaNgele-ngele, njengoko besendichazile ukutshintshwa-tshintshwa kwamagama esi sizwe. Kodwa ke uMnguni wabudlulisela kunyana wakhe uChibi ubukumkani baza baqhubekeka …

Funda okunye

Imbali yesizwe sama Hlubi Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaHlubi Zininzi iimbali ezibaliswa ngesizwe samaHlubi. Zimbi zifumaneka ngokubaliswa ngomlomo ekubeni ezinye zibhalwe kwiincwadi ezithile. AmaHlubi sisizwe hayi isiduko. Isizathu sokuba nditsho yinto yokuba abantu abaninzi, ukuquka amaHlubi ngokwawo, bacinga okanye bazi ukuba eligama lithi Hlubi libhekiswa kooRadebe. Akunjalo. Eli gama lithi Hlubi ligama lesizwe. Imbali ithi amaHlubi ayinzala yesizwe sabeNguni esasikhokelwa nguMnguni ukusuka kuMntla-Mpuma …

Funda okunye

Iziduko zoo Dlamini-Mntungwa Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ng’oGengezi,Urhogo uyababa njhengetshong’o/tshong’we,IziNdlovu ezadilika eMnambithi zithwel’amahlahla zibheke phantsi,Ndlovu zidl’ekhaya,Sibal’khulu,Nghabakwa NozigelaBakwaNomfakali,Ng’abakwaMphaphama,Abaphakel’ umyen’ edengheleni ng’oba bonqen’ ukuqed’ amabele,Bona abadl’ umuntu bemyengha nghendaba,Dlamini,Ndlovu,Mtungwa,Phengana,Nqobamandebele

Iziduko zoo Gasela Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

UGasel’onenyoka,UMntungwa,USidudu somfaba esadik’abayeni,UNoqobo ndaphukile,UMvemve,UWushe,UDaweti,UMkhobeni,Luvuno,Njanjaca,Nomanyegele,Sidudu somfaba sadik’ abayeni,Ndlovu zidlekhaya ngokuswel’ umalusi,Ngaba kwaMntungwa-Dlamini,Ngaba kwaGcwabe,Nakhophekazi,Lukhulana,BakwaMaphum’ ephethe,Ng’abafanelwa zizitja zokubolekwa,Abantu abanezandla ezibushelezi okwelitye lomfula,Omafinyile abanempandla ezitshaza ehlotyeni nasebusika,Abantu abawela uMbhashe bawela uMthavuna babuya nobulembu.