Ulwimi lwama Bomvana

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ulwimi lwamaBomvana sisiBomvana.

AmaBomvana nawo awazange asinde kwizembe lokuba kuthiwe angamaXhosa. Ayizange ibasithele abalawuli neyokuba amaBomvana nawo angabeNguni. Kodwa kuko konke oko abazange balivume kwaye basamkele isiBomvana njengolwimi olusemthethweni. Kungoko nawo amaBomvana anyanzeleka ukuba athethe isiXhosa kuzo zonke iindawo zolawulo, kuquka iCawe, kwaye kwanyanzeleka nokuba asifunde ezikolweni. Kungoko uyakufumanisa ukuba nawo asikhupha nangeempumlo isiXhosa. Kodwa ke ngokwasekuhlaleni, emakhaya nasezindibanweni zokuhlala, awasiyekanga ukusithetha isiBomvana.

Nanga amagama ambalwa esiBomvana awahlukileyo kwisiXhosa:

isiBomvanaisiXhosa
IqukuIgqudu
UmbulisoIsikhahlelo (Njengaxa kukhahlelwa inkosi)
MnqayiIntonga
UkubalekaUkuphala
UmfinoUmfuno
InkongoUmtshotsho
Unomgqemfu/IsiqoboIsitulo esenziwe ngesikhondo
Ukucononozisa/UkucononisaUkuhlawula umdliwo
AmanoyiIimbotyi
KutshutshuKushushu
IbhayiIngubo

Leave a Reply