Ulwimi lwama Bomvana

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ulwimi lwamaBomvana sisiBomvana. AmaBomvana nawo awazange asinde kwizembe lokuba kuthiwe angamaXhosa. Ayizange ibasithele abalawuli neyokuba amaBomvana nawo angabeNguni. Kodwa kuko konke oko abazange balivume kwaye basamkele isiBomvana njengolwimi olusemthethweni. Kungoko nawo amaBomvana anyanzeleka ukuba athethe isiXhosa kuzo zonke iindawo zolawulo, kuquka iCawe, kwaye kwanyanzeleka nokuba asifunde ezikolweni. Kungoko uyakufumanisa ukuba nawo asikhupha nangeempumlo isiXhosa. Kodwa …

Funda okunye

Amasiko ama Bomvana

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Njengazo nezinye izizwe zaseMbo ezingabeNguni, amaBomvana anamasiko afanayo nazo, kodwa kwamanye indlela yokuwenza yahlukile. Kwakhona akhona namanye amasiko awenziwa ngamaBomvana abe engenziwa zezinye izizwe zabeNguni. AmaBomvana akholelwa kubukho bukaMenzi. UMenzi nguYe owenza zonke izinto eziphilayo nezingaphiliyo ezilapha ehlabathini. AmaBomvana ayayazi ukuba uMenzi ungumoya kwaye uphila apha emoyeni. Kungoko akwaziyo ukufikelela kuyo yonke i ndawo, ngalo …

Funda okunye

Iziduko zama Bomvana Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Zimbalwa kakhulu iziduko zamaBomvana ezifumanekayo. Akukholeleki ukuba isizwe sonke singaneziduko ezine kuphela. Le meko imele ukuba yenziwa kukungabhalwa phantsi kushicilelwe nakumakhasi onxibelelwano. Nazi iziduko ezifumanekayo: Gebe/Mgebe/Hegebe,Gqwarhu,Hona, Mlungu,Nkumba,Nzila,Thunzi,Tshezi,Tshomane

Imbali yesizwe sama Bomvana Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaBomvana Amabomvana asisizwe esinobukumkani baso obungaxhomekekanga, nobungekho phantsi, kolawulo lwesinye isizwe. Asisizwe esizimeleyo. Nawo amaBomvana agutyungelwe yile ngxaki yokuba kuthiwe angamaXhosa. Iphinde ke kuwo yongezelwe yingcinga yokuba angabaThembu. Awasiso nasinye kwezi zizwe zozibini, nokuba sesiphi na esinye. AmaBomvana ngamaBomvana – iphelele apho. Umnombo wamaBomvana awahlukanga kulowo wezinye izizwe eziNtsundu, okanye zakwaNtu, zalapha eMzantsi Afrika. …

Funda okunye

Iziduko zoo Tshezi Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Jalamba,Ndela,Ngcutshana,Nenese,Sibiya ngodaka ngenxa yokuswel’amahlahla,UDeli,UNjilo njilo kuyasa naselwandle,UMqal’ungangenduku,UMalala nenkazana ithi ndizeke,Inkwenkwezi eyacand’isiziba,USizib’esimnyama,Intak’ emnyama edlal’ emafini,Umntu womlambo,UGambushe,UNkomo zomdlamb’dlambana,Zolima bemsusa bethi akankosi yena,Zojukuty’into engayisi mntwini,Unkomo zimdaka,Umkhont’obomvu,Untambanan’edlal’emafini Enye indlela yokuzithutha koo Tshezi Tshezi,Tenza,Jalamba,Fakade,Saliwa,Cetshane,Ndela,Sikhabela,Mqal’ ungangenduku,Neneza,Njilo-njilo ukuya ngaselwandle,Inkonjan’ emnyama ebhabh’ emafini,Inyok’ emnyama ecand’ iziziba,Inkos’ engazang’ ibutheng’ ubukhosi,Izint’ ezityhafileyo ngathi zidla umcuku,Mkhondo Enye indlela yesibini yokuzithutha yooTshezi Jalamba,Ndela,Ngcutshana,Nenese,Sibiya ngodaka ngenxa yokuswel’amahlahla,UDeli,UNjilo njilo …

Funda okunye

Iziduko zama Bhele Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

UKhuboni,UMadiba,Qunta,Ndabezitha,Mbandeni,Mafu,Solanga,Langa lokulunga,Nodzela,Nombiko,Mnomane,UMbutho,UMbikazi,UNontanda,UNontanda kuphakanyiswa,ULanga,UDlambulo,Abantw’abaphekwa nenyengane kwavuthw’inyengane Lasal’iBhele,Asityi mbilini wamfuyo sity’ owenyamakazi. Enye indlela yokuzithutha koo Bhele Bhele,Godide,Mphemba,Ntuli,Ndlela kaSompisi,Sothole,Gudukazi uyiNcwayo,Khuboni,Sompisi owaphemba ngamakhand’ amadoda, abanye bephemba ngomlilo,Nina baseLenge enabonakala ngefu leziNtuli,Kwabe kunguSompisi kaGuqa,kaMasalela,Mazimuzimu enidl’abantu,Mgwabini wemikhonto,Umahlatshwa ebuhleni njengethole,Umagaju njengengwe,Inhlanga eyeqa iphindaphinda,Umanxeba angamanxuluma,Kwasa bemhlaba uGwabini waphika,Lang’elaphum’endlebeni yendlovu,Nyaka wumbe lophum’ endlebeni yengwenya,Unonjiyelwa,Kulala uhlangothi lubomvu,Ugodo olunuka namankayiya,Langa!