Iziduko zezizwe ezintsundu ezakhe epuma nasentshona Kapa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ingabula zigcawu Mabandla omzi kaNtu, ndiyabhotisa kwaye ndibulela kwangokunjalo ukuba nithi cakatha kweli khasi eliphefumla ngani. Kaloku xa kuthethwa ngeziduko kumzi oNtsundu kuthethwa ngobuyena bakhe. Kungoko ke kaloku naphi na apho kudityanwa khona ngabantu, umbuzo wokuqala omnye komnye uthi, “Ungumni?” Yeka ke ukubobotheka kulowo ubuzwayo kuba kaloku kubuzwa ngobuyena bakhe. Uyakutyatyadula ke ezibika ukuba unguNatsi …

Funda okunye

Imbali yesizwe saba Thembu Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yabaThembu Masiqale ngelithi abaThembu asisizwe esizimeleyo nesingabusi phantsi kwesinye isizwe ngokolawulo lwemveli. Oko kukuthi sinobukumkani baso. Imbali yemvelaphi yabaThembu ayahlukanga kuleyo yezinye izizwe eziNtsudu zalapha eMzantsi Afrika. Nayo le mbali igujululwa ekubeni abaThembu athi gqi eMntla-Mpuma wezwekazi i-Afrika. Nakubeni kunjalo kukho abanye ababalisi abade bachaze ncakasa namagama eendawo aphuma kuzo abaThembu. Naso esi sizwe …

Funda okunye

Imbali yesizwe sama Bomvana Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaBomvana Amabomvana asisizwe esinobukumkani baso obungaxhomekekanga, nobungekho phantsi, kolawulo lwesinye isizwe. Asisizwe esizimeleyo. Nawo amaBomvana agutyungelwe yile ngxaki yokuba kuthiwe angamaXhosa. Iphinde ke kuwo yongezelwe yingcinga yokuba angabaThembu. Awasiso nasinye kwezi zizwe zozibini, nokuba sesiphi na esinye. AmaBomvana ngamaBomvana – iphelele apho. Umnombo wamaBomvana awahlukanga kulowo wezinye izizwe eziNtsundu, okanye zakwaNtu, zalapha eMzantsi Afrika. …

Funda okunye