Iziduko zama Bomvana Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Zimbalwa kakhulu iziduko zamaBomvana ezifumanekayo. Akukholeleki ukuba isizwe sonke singaneziduko ezine kuphela. Le meko imele ukuba yenziwa kukungabhalwa phantsi kushicilelwe nakumakhasi onxibelelwano. Nazi iziduko ezifumanekayo: Gebe/Mgebe/Hegebe,Gqwarhu,Hona, Mlungu,Nkumba,Nzila,Thunzi,Tshezi,Tshomane

Imbali yesizwe sama Bomvana Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaBomvana Amabomvana asisizwe esinobukumkani baso obungaxhomekekanga, nobungekho phantsi, kolawulo lwesinye isizwe. Asisizwe esizimeleyo. Nawo amaBomvana agutyungelwe yile ngxaki yokuba kuthiwe angamaXhosa. Iphinde ke kuwo yongezelwe yingcinga yokuba angabaThembu. Awasiso nasinye kwezi zizwe zozibini, nokuba sesiphi na esinye. AmaBomvana ngamaBomvana – iphelele apho. Umnombo wamaBomvana awahlukanga kulowo wezinye izizwe eziNtsundu, okanye zakwaNtu, zalapha eMzantsi Afrika. …

Funda okunye

Iziduko zoo Tshezi Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Jalamba,Ndela,Ngcutshana,Nenese,Sibiya ngodaka ngenxa yokuswel’amahlahla,UDeli,UNjilo njilo kuyasa naselwandle,UMqal’ungangenduku,UMalala nenkazana ithi ndizeke,Inkwenkwezi eyacand’isiziba,USizib’esimnyama,Intak’ emnyama edlal’ emafini,Umntu womlambo,UGambushe,UNkomo zomdlamb’dlambana,Zolima bemsusa bethi akankosi yena,Zojukuty’into engayisi mntwini,Unkomo zimdaka,Umkhont’obomvu,Untambanan’edlal’emafini Enye indlela yokuzithutha koo Tshezi Tshezi,Tenza,Jalamba,Fakade,Saliwa,Cetshane,Ndela,Sikhabela,Mqal’ ungangenduku,Neneza,Njilo-njilo ukuya ngaselwandle,Inkonjan’ emnyama ebhabh’ emafini,Inyok’ emnyama ecand’ iziziba,Inkos’ engazang’ ibutheng’ ubukhosi,Izint’ ezityhafileyo ngathi zidla umcuku,Mkhondo Enye indlela yesibini yokuzithutha yooTshezi Jalamba,Ndela,Ngcutshana,Nenese,Sibiya ngodaka ngenxa yokuswel’amahlahla,UDeli,UNjilo njilo …

Funda okunye