Imbali yesizwe sama Bomvana Clan Names
Imvelaphi yamaBomvana Amabomvana asisizwe esinobukumkani baso obungaxhomekekanga, nobungekho phantsi, kolawulo lwesinye isizwe. Asisizwe esizimeleyo. Nawo amaBomvana agutyungelwe yile ngxaki yokuba kuthiwe angamaXhosa. Iphinde ke kuwo yongezelwe yingcinga yokuba angabaThembu. Awasiso nasinye kwezi zizwe zozibini, nokuba sesiphi na esinye. AmaBomvana ngamaBomvana – iphelele apho. Umnombo wamaBomvana awahlukanga kulowo wezinye izizwe eziNtsundu, okanye zakwaNtu, zalapha eMzantsi Afrika. …