Imvelaphi yamaBomvana
Amabomvana asisizwe esinobukumkani baso obungaxhomekekanga, nobungekho phantsi, kolawulo lwesinye isizwe. Asisizwe esizimeleyo.
Nawo amaBomvana agutyungelwe yile ngxaki yokuba kuthiwe angamaXhosa. Iphinde ke kuwo yongezelwe yingcinga yokuba angabaThembu. Awasiso nasinye kwezi zizwe zozibini, nokuba sesiphi na esinye. AmaBomvana ngamaBomvana – iphelele apho.
Umnombo wamaBomvana awahlukanga kulowo wezinye izizwe eziNtsundu, okanye zakwaNtu, zalapha eMzantsi Afrika. Ookhokho bookhokho bamaBomvana nabo ingcambu yabo ikhonjwa kuMntla-Mpuma wezwekazi i-Afrika.
Nakuwo amaBomvana kusithele ukuba yayingubani eyona nkokeli yasuka kulo mmandla we-Afrika ukuza kutsho apha eMzantsi Afrika. Kodwa ke iyafumaneka imbali yokuba nkokeli leyo yangena ngela cala laseLebombo. Kungoko nawo amaBomvana ebalelwa ekubeni angaBambo. Xa abaMbo bebalelwa ekubeni angabeNguni, loo nto ithi namaBomvana angabeNguni.
Ikhona yona ingxaki nalapha kumaBomvana yokufuna ukuzinamathisela kwezinye iintlanga. Umzekelo: kwa amaBomvana amfamlibe anayo indawo yokuthi babesakuba ngamaSwati, abanye bathi basuka kwaZulu. Isizathu sokucingela ngolo hlobo kungenxa yolwazi olufumaneka ngokwahluka kwezizukulwana. Into edibanisa amaBomvana namaSwati yinto yokuba amaBomvana anesikolo, kunye nabanye babaphandi abangabeLungu, baphazanyiswa lulwazi lokuba ookhokho bookhokho bamaBomvana balingena ilizwe loMzantsi Afrika ngeentaba zeLebombo. Badibanisa iLebombo namaSwati kuba loo mhlaba umiwe sisizwe samaSwati ngoku. Kanti ke okuyinyaniso kukuba ukufika kookhokho bookhokho bamaBomvana kwakungekabikho kwa isizwe ekuthiwa ngamaSwati.
Kuyafana ke nangalo mba wakwaZulu. Ookhokho bookhokho bamaBomvana bafika kungekabikho kwa isizwe ekuthiwa ngamaZulu. Uhlanga lwamaZulu lwathiywa nguTshaka eli gama lithi Zulu. Ngoko ke akunakuthiwa amaBomvana abakho emva koTshaka.
Kwakhona akhona la amaBomvana acinga ukuba aluhlanga oluthile lwamaXhosa. Bambi bathi bangamaBomvana angamaXhosa. Ayikho into enjalo. AmaBomvana ngamaBomvana, kwaye amele ukuzidla ngobuzwe bawo. Kwakhona ukufika kookhokho bookhokho bamaBomvana kwakungekabikho kwa eli gama lithi Natal. Eli gama laqanjwa nguVasco da Gama ngonyaka ka 1497 sekuzinkulungwane ezininzi bafikayo ookhokho bookhokho bamaBomvana.
Iyafuna ukulungiswa indlela ezichazwa ngayo ezi ndawo kuba abantu bezi zizwe bavele bacinge ukuba babesakuba ngamaSwati okanye amaZulu, kube kungenjalo. Umnombo wabaBomvana mnye nomnombo wamaMpondo, amaMpondomise kwakunye namaXesibe. Bonke bayinzala kaNjanya kaSibiside. Ngoko ke inkokeli esakhunjulwayo eyakhokela ookhokho bookhokho bamaBomvana yileyo yakhokela ezi zizwe sizikhankanyileyo ngentl’ apha.
Oku kuzakukuchazwa apha ngezantsi xa kuxoxwa ngeekumkani zamaBomvana. Eli gama lithi Bomvana lalingekho kuba esi sizwe siyinzalelwana kaBomvu. Eli likaBomvana lize nomLungu owayengunobhala kaHenry Fynn. UFynn lo wathi xa ebhala ngesi sizwe wathi yi ‘Red K***r’ (AmaBomvu) ze unobhala wakhe wabhala wathi ‘Little Red K***r’ (AmaBomvana). Eli gama lingabhalwanga ngokupheleleyo leli labhangiswayo apha eMzantsi Afrika, ngenxa yokuba lisisenyeliso kubantu abaNtsundu. Ngoko ke alisabhalwa ngokupheleleyo, kwaye alinakubhalwa ukuba lalisakubhalwa njani na nakweli qonga.Kwathi kuba abameli bamaNgesi, abangooFynn aba, babefaka ingxelo komkhulu eBhritani kwahamba eli gama lithi Bomvana. Yaba lelona gama lisetyenziswayo ezincwadini elo. Ngapha koko akuzange kubekho kumkani wamaBomvana onguBomvana.
Iikumkani zamaBomvana
Nantsi ingxelo yeekumkani zamaBomvana

Imimandla yama Bomvana
NamaBomvana awangomkanja kulo mba wokuba zonke izizwe eziNtsundu zalapha eMzantsi zifumaneka kuwo onke amaphondo eli lizwe, kwaye isizwe ngasinye sinelungelo lokuhlala apho sithanda khona. Kodwa ke ngenxa yeemeko ezabangela ukuba isizwe ngasinye sibenendawo yaso nawo amaBomvana afumaneka kummandla ophakathi komlambo uMbhashe kunye nomlambo uMthatha.
Nakubeni amaBomvana ayekhe axhwarha kumhlaba wamaMpondo, iimeko zabadudulela ekubeni bacele umhlaba kwikumkani yamaXhosa uHintsa, Aa! Zanzolo! Imbali ithi nguye lo wabanika lo mhlaba bawumiyo ngoku.
Le maphu ingezants’ apha ibonakalisa umhlaba omiwe ngamaBomvana ngokobuzwe bawo.
