Iziduko zezizwe ezintsundu ezakhe epuma nasentshona Kapa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ingabula zigcawu

Mabandla omzi kaNtu, ndiyabhotisa kwaye ndibulela kwangokunjalo ukuba nithi cakatha kweli khasi eliphefumla ngani. Kaloku xa kuthethwa ngeziduko kumzi oNtsundu kuthethwa ngobuyena bakhe. Kungoko ke kaloku naphi na apho kudityanwa khona ngabantu, umbuzo wokuqala omnye komnye uthi, “Ungumni?” Yeka ke ukubobotheka kulowo ubuzwayo kuba kaloku kubuzwa ngobuyena bakhe. Uyakutyatyadula ke ezibika ukuba unguNatsi wakaNatsi emaNatsikeni.

Nqwa ke nemvelaphi yohlanga lwaloo mntu, lukwancwinwa ngokukhondoziswa kwesiduko sakhe. Kungoko uyakufumanisa ukuba xa ubani esithi isiduko sakhe nguMjoli, kwangoko lowo ubuzayo sel’ esazi ukuba ugagene neBhaca. Ukuba uthi unguTshezi, liBomvana elo. URadebe liHlubi, uJola liMpondomise, uFaku liMpondo, xa kuthiwa Khondlo kubhekiswa kuMangwe. AmaNgwe kukwathiwa ngamaPhuthini. UDlomo nguMthembu, UMbathane nguXesibe ze uTshawe yena abe ngumXhosa.

Sikhona ke nesizwe sabeSuthu kwalapha kula maphondo mabini. Kodwa ke masiyazi into yokuba zimbini izindlu zabeSuthu. Bakho abeSuthu abasungulwa nguMoshoeshoe edibanisa iintlanga ezahlukeneyo ezintetho yazo eyayibizwa ngolo hlanga lwayo. Umzekelo abaTlokwa, ooMosia, amaPedi, njalo njalo, zazisaziwa ngokuba zithetha isiTlokwa, isiMosia, isiPedi. Zonke ezi ntlanga zadityaniswa nguMoshoeshoe kwaze kwavela ulwimi lwesiSotho. Bakwakho naba abeSuthu baziduko zabo izezesiXhosa kodwa babe besithi bangabeSuthu ngokwengcambu.

Asizukunaba ke ngembali yezi zizwe kuba kweli khasi umongo wethu ziziduko. Omnye umba ekumele siwuqaphele xa siphicotha iziduko ngowokuba isiduko ngasinye sithuthwa ngokungafani ncam kwiziphaluka ngeziphaluka. Nakubeni kunjalo indili yesiduko yona iyabizwa ze kwahluke ngezangotshe sokuzithutha okanye ukuzibonga (Umzekelo weziphaluka, unganceda apha ukucacisa nzulu le ntetho).

Nazi ezinye iindawo ezimbini ezibaluleke kakhulu kumba odibene neziduko:

Eyokuqala yeyokuba abantu abaNtsundu bafumaneka kuzo zonke iindawo zalapha eMzantsi Afrika kwaye banelungelo lokwenjenjalo. Loo nto ke ithetha ukuba isiduko ngasinye somntu oNtsundu siyafumaneka kuzo zonke iziphaluka zeli lizwe.

Into yokuba izizwe ezithile zabelwe indawo ethile ze kuthiwe yindawo yabo, loo nto yenziwa ngamakoloniyale angamaNgesi. Kungoko sifumana into yokuba isizwe esithile simi kumhlaba othile. Phofu ke loo meko yenziwa mandundu nalulawulo lorhulumente wengcinezelo. Abanye basuswa ngenkani bayakuphoswa emalandalahle. Eyesibini indawo yeyokuba iziduko zabantu zifumaneka kuyo yonke imimandla yezizwe zonke zaseMzantsi. Ndizakwenza umzekelo ngesiduko samaBhaca kuba ndizaku qala ngokubhala iziduko zawo. Umzekelo, isiduko sikaWushe sikhona kummandla wamaMpondo nowamaXhosa nabaThembu, njalo njalo. UWushe osemaMpondweni akaloMpondo koko uliBhaca elakhe kummandla owabelwe amaMpondo kwaye uzakuba phantsi kolawulo lwamaMpondo nakubeni engeloMpondo koko eliBhaca.

Ezi ndawo zimbini ziphakanyiselwa ukuba ungathi kuba ukumhlaba wamaBhaca kodwa unguXesibe ulindele ukuba isiduko sakho sizakubongwa phantsi kwamaBhaca. Akunjalo, koko eli qonga linceda ukuba sibeke izinto ngoononina ukuze siqiniseke ngeminombo yethu. Apha sizakubinza ngeziduko zezi zizwe zikhankanywe ngentla apha. Oko kuzakwenziwa ngokulandelelana ngokwamagama azo ukwenzel’ ukuba kucwezelwe kwinto yokuba kuqalwe ngesizwe esithile kuba sineempawu ezithile ezodlula ezinye.

Lilonke sizakuthutha iziduko ezifumaneka kwisizwe ngasinye sizilandelelanisa ngokokulandelelana kwamagama ezo ziduko kweso sizwe. Ngokwezizwe ke sizakuqala ngamaBhaca, size ngamaBomvana, Hlubi, Mpondomise, Mpondo, Mthembu, Ngwe, Xesibe, Xhosa. Akumnandi ngako ukuzazi ukuba umnombo wakho ngowesiphi na isizwe. Loo nto ke kodwa ayithi kukho isizwe esingaphezu kwesinye, zonke izizwe ziyalingana. Masirhabulisane ke kule bhekile. Ukuba ayigcwalanga nakwenjenjalo ukufak’ isandla ngomoya wokuba sonke asigqibelelanga. Loo nto ke ithi makhe sikubekele ecaleni ukugxekana ngokungathi sonke sigqibelele. Masiphuthume umoya wokulungisana nokuncedisana ngokuthi songeze koko sekusesithebeni.

Leave a Reply