Kwahlala, kwahlala kwayintsomi.
Kwakukho amakhwenkwe amathathu. Athe esakuba ekhulile, acinga ukuba ayokufuna umsebenzi kwamlungu. Ingxaki yawo kukuba awazange alibeke emnyangweni wesikolo, okanye aphuma kwangentlazane kungekafikwa kwizifundo zesiNgesi. Acela mntu uthile ukuba abancede ukuba bangakhumsha kanjani na emlungwini njengokuba bezakuya kufuna umsebenzi. Umcebisi lo uthe umlungu uza kubuza ukuba bangaphi na njengokuba befuna umsebenzi nje. Bona ke baze bathi, “We three”.Uzakuphinda abuze umlungu ukuba yintoni isizathu sokuba bafune umsebenzi. Xa abuza njalo, bona maze bathi, “Because we wanted money”. Emva koko ke umlungu uza kubuza ukuba bafuna ukuqala nini ukusebenza. Ukumphendula ze bathi, “The sooner the better”.
Banduluka ke abaf’ abakhulu bezingomb’ izifuba kuba bekwazi ukukhumsha. Babengafuni nokuncokola oku, kuba babecengcelela isiNgesi sabo, bengafuni kusilibala, hleze babhude xa kufuneka besithethile. Bathe besahamba njalo, benqumla ithafa lefama yomlungu babona umzimba womntu obhubhileyo ecaleni kwendlela. Bema apho becinga ukuba bazakuthini na. Besemi njalo nako kugaleleka ivungu yamapolisa. Aphuma onda ngawo amapolisa. Ngelishwa labo yayingamapolisa abelungu, angasaziyo isiXhosa sakubo.
Athe xa afika kubo lathi elinye ipolisa, “Who killed this man?” Libuzile ipolisa. “We three.” Iphendule njalo inkwenkwe yokuqala. “Why did you kill him?” Likhondozisile ipolisa libufudumala. “Because we wanted money.” Yenjenjalo ukuphendula inkwenkwe yesibini. “We are going to detain you.” Litsho selibibizela ngumsindo elinye ipolisa. “The sooner, the better.” Itsho incumile eyesithathu inkwenkwe.
Ngoko nangoko afakwa amakhamandela ezihlahleni (handcuffs) loo makhwenkwe ayokudidinjwa ngaphaya kwezitshixo zentolongo elindele ukuyakukhahlela kumgwebi ngesenzo esibi kangaka athi asenzile.
Phela, phela ngantsomi.
Imfundiso: Qaphela indlela onxulumana ngayo nabanye abantu. Qiniseka ukuba intetho yenu iyaziwa ngamacala omabini onxulumano. Musa ukusebenzisa izixhobo zonxulumano nakwimeko ezingasebenzi kuzo. Umzekelo. Esi singesi sifundiswe la makhwenkwe besilungiselelwe ukucela umsebenzi. Kule meko akuyo ebengafuni msebenzi, ngoko ke bekungamelanga ukuba athethe intetho abeyifundiselwa ukufuna umsebenzi. Lilonke zigade ungaphumi emxholweni (context) wentetho.