Iintsomi zesiXhosa

Iintsomi ngamabali amafutshane abalisa ngezinto ezazisenzeka mandulo. La mabali abalisa ngeziganeko ezithile ezazisenzeka. Kungoko kwezinye izizwe zesiNguni kusithiwa ziinganekwane. Izinto ezazisenzeka ziziqebheyi zemilingo nemimangaliso ekunzima ukuzikholelwa ubukho bazo xa kuthelekiswa nezinto ezenzeka kula maxesha. Nakubeni zingumnqa nje ezo zinto akukwazeki ukuqinisekisa ukuba zazikho yini na. Zonke izigigaba ezenzeka entsomini zibalelwa ekubeni zingumfuziselo wentlalo nempilo enqatyisiweyo …

Funda okunye

Amaqhalo ngencoko

Umzekelo. Uyakuthini uZikali ukuba lo nyana wakhe akaphumelelanga emagqabini njengokuba edlisela ngaloo nto nje? Kanti ke igugu lingabalikhulu umbombo uyaqhosha. Umzekelo. Hayi ulijijile eli rhewu, lithi ndisele. Inene ungavimb’ ixhewukazi lisifa lungcume. Umzekelo. Kanti ndifun’ukuya ngokwam kule mbizo yenkosi, ndingeva ngokuxelelwa ukuba bekusithiwa, kaloku indab’ otyelo ayikholi bafondini. Umzekelo. Ndiyaxolisa ukuthetha nawe ngolu hlobo mkhuluwa, …

Funda okunye

Bhalisela ku-Whatsapp Bhalisela indaba lwazi yethu