- Ukujika amatye abezizonka: Into engenakukwenzeka.
- Umbele wenkuku: Into engekhoyo.
- Inkomo ingazal’ umntu: Into engenakukwenzeka.
- Ukugxwal’ emswaneni: Ukukhalela into engenakukwazi ukuyilungisa.
- Amahashe angaphum’ iimpondo: Into engenakukwenzeka.
- Ukuleqa ikhozi ngenja: Ukunqwenela into ongenakufikelela kuyo.
- Ukuba ziinkwenkwezi: Ukuba kumgangatho apho kunzima ukuba omny’ umntu afikelele kuwo. Umzekelo: Angafane afune ukuzilinganisa nam, angekhe akuzuze oko. Ndizinkwenkwezi kuye.
- Isemafini: Into ekungenakufikelelwa kuyo.
- Ukuphemba ungawothi: Ukwenza into ongazukuyixhamla.
- Ukuza kukaNxele: Into engenakukwenzeka. Into engaqondakaliyo ukuba iyakufika nini na. UNxele Makhanda wayengumcebisi owayephambili kakumkani Ndlambe. Yayikwanguye owayekhokela amabutho emikhosi kwaNdlambe, ekwaligqirha elaziwayo nelalinamandla. Malunga nonyaka ka 1819 wayekwiqela elaliphambili ekududuleni amaNgesi ngaphaya komlambo iNxuba. Kodwa ke ngelishwa umkhosi wemidaka woyisakala waza uNxele wazinikezela kuloo maNgesi. Kulapho ke wabanjwa wayakudidinjwa esiqithini iRobben. Lalikho ithemba lokuba uyakuze abuye kweso Siqithi. Kodwa akuzange kubenjalo kuba kukho imbali ethi yena nabanye bazama ukuqubha beqhwesha kolo valelo. Ngelishwa ke zange baphumelele ekuqhwesheni kuba kuthiwa barhaxwa ngamanzi olwandle, mhlawumbi batyiwa nangookrebe. Kwaba yinto engakwazanga kwenzeka ukuza kukaNxele.
- Unotshe: Into engenakwenzeka.
- Kungaf’ uhili: Ngekhe yenzeke ndikhona loo nto.
- Unongekh’ ehle: Into engenakwenzeka.
Izaci ngezinto ezingasoze zenzeke
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso