Amatye
Amaqhalo ngokusebenza
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Umzekelo: Incukuthu sisidleleleli kuba ifunxa igazi lomntu ukuze iphile. Umzekelo: uthi mandiwuthini lo msebenzi ungaka andithwalisa wona ndedwa, yinyand’ amatye le. Umzekelo: Ucelwe ngubani ke ngoku uNoqatiko kulo mcimbi selewungena ngeenyawo ezinodaka nje?
Amaqhalo ngokhuphiswano
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Umzekelo: Amas’ abekw’ elangeni. Namhlanje kuzakudibana iimbethi manqindi ezaziwayo ekukudala zafungelana.
Amaqhalo ngezinto ezingasoze zenzeke
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Umzekelo. Ilanga lingacholwa zintaka ukuba angaphinda afumane uncedo lwam emva kokuba ehlazise ngam ndakugqiba ukumnceda.
Amaphupha ngamatye
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Ukuba uphupha ngamatye, oko kunokuthetha ukuba uya kuba nethamsanqa. Kodwa ukuba uphupha umntu ephosa amatye kuwe, oko kunokuthetha ukuba umntu uzama ukuphosa isichitho kuwe.