- Kuqubisene izinto ebezikade zizondana: Kudibene abantu okanye amaqela ekudala befuna ukukhuphisana omnye nomnye.
- Amasi abekw’ elangeni: Lide lafika ixesha lokwenzeka kwento, akukho kubuy’ umva.
Umzekelo: Amas’ abekw’ elangeni. Namhlanje kuzakudibana iimbethi manqindi ezaziwayo ekukudala zafungelana.
- Ukubethelela isikhonkwane sokugqibela (emkhumbini); Ukuqinisekisa ukungaphumeleli kwalowo uphikisana naye. Ukongezelela kubungqina obuxhasa into ethethwa ngaloo mntu de angabi nathuba lakwenza enye inkcazelo enxamnye noko kuthethwayo ngaye.
- Kufe ilitye nembokotho: Izinto okanye abantu abanamandla alinganayo kungade kubekho eyohlulwayo. Ukutshabalalisa kungasali nento le.
- Kwakushiyan’ oomam’ ukondla: Enamandla kunenye iyakuphumelela.