Iinyoka
Amaqhalo ngesiqalo, isizekabani nentsukaphi
Umzekelo: Njengokuba bengamkhuzi egezela abantu abadala nje, ngeny’ imini uyakubasa isandla. Kaloku inkqayi ingena ngentlontlo.
Amaqhalo ngengozi
Umzekelo. Oonkabi bebeba babhungcile kanti ityala lisaqhuba ntonje bekusaphandwa. Bebengazi ukuba nox’inyoka ifile nje ithambo layo liyahlaba. Ngoku bothuswa kukufikelwa yimisila ebagunyazisa ukuba bavele kwinkundla yamatyala.
Amaphupha ngenyoka
Ukuphupha inyoka isenongabiyonto imnandi kwaphela, amaxesha amaninzi kunokuthetha ukuba kukho utshaba elukuzingelayo kwaye lusondele kakhulu apha kuwe. Kwaye kuxhomekeka nasekubeni yeyiphi inyoka oyiphuphileyo. Umzekelo, ukuba uphupha inyoka enkulu (i-Anaconda umzekelo), elo phupha limalunga nomntu omdala okanye ukhokho. Irhamba Ukuphupha irhamba oko kungathetha ukuba kukho umntu uzenza isihlobo sakho ekukhohlisa, nto leyo ithetha ukuba umntu osondelelene …