- Ukulala ngophothe: Ukuwa uthi tywaa, ude ufe isiqaqa ngakumbi xa ubethiwe.
- Ukusinda chebetshu: Ukuphoswa kancinci yinto eyonzakalisayo. Ukuphantse wonzakale.
- Ukusinda ngezikaSibi: Ukusinda cebetshu engozini.
- Ukusinda ngokulambisa: Ukusinda cebetshu.
- Ukunqumla iimpondo: Ukuthibaza umntu ondlongondlongo ukuba angenzi ngozi kubanye abantu. Oko kuthibaza kwenziwa ukubonisa loo mntu ukuba akanamandla nagunya lokwenza oko afuna ukukwenza. Lo unqunyulwa iimpondo ubonisa ubungangamsha bakhe ekwenzeni nasiphi na isigqibo athanda ukusenza. Ukuthibaza amandla ento ebonakala inobungozi eluntwini. Umzekelo: Intsholongwane kaGawulayo neTB zifuna ukunqunyulwa iimpondo zingekatshabalalisi uluntu lonke.
- Izulu lidlalile: Xa umbane ubethe into okanye umntu waze wamenzakalisa okanye wothuswa seso sithonga.
- Izulu limthathile: Xa umbane ubethe umntu wasweleka.
- Ukubamba inyoka emsileni: Ukuzifaka engozini. Xa inyoka uyibambe okanye uyinyathele emsileni iyakwazi ukujika umzimba nentloko ibe seyikunqola ngamazinyo.
- Uyinyathele emsileni: Ukuzifaka engozini.
- Ukufa kufunjiwe: Umntu ekuthathwa ngokuba ngungantweni kanti unobungozi. Umntu obonakala ethokombile okanye ethozamile kanti wenzela abanye abantu amayelenqe. Kuzekelisa ngenyoka xa izisonge yayimfumba ibe kanti ingavumbuluka nanini na ibe seyikunqola ikufake ityhefu, mhlawumbi ufe nokufa ngenxa yaloo tyhefu.
- Ukunqanda ihlahla: Ukunqanda ingozi ingenzeki.
- Ukukhasel’ eziko: Ukuzifaka engozini uyibona.
Apha kuzekeliswa ngosana olukhasayo okanye olugaqayo olungekakwazi ukwahlukanisa into eyingozi nengeyongozi. Njengokuba lukhasa nokuba lusendlini nje, ukuba lukhasela eziko kubasiwe okanye kukho amalahle, luzakutsha. - Ukudlala ngomlilo: Ukuzifaka engozini.
Izaci ngengozi
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso