Umlilo
Amaqhalo ngengozi
Umzekelo. Oonkabi bebeba babhungcile kanti ityala lisaqhuba ntonje bekusaphandwa. Bebengazi ukuba nox’inyoka ifile nje ithambo layo liyahlaba. Ngoku bothuswa kukufikelwa yimisila ebagunyazisa ukuba bavele kwinkundla yamatyala.
Amaqhalo ngomtshato
Umzekelo: Hayi wethu ntombi lingade libe alikhangeleki isoka likaDudelwa, kodwa uyazodlula zonke iintanga zakhe ngokwakha umzi wakhe. Kakade ubuhle bendoda zinkomo. Ukufuna ukubona into ukuze wenze isigqibo sokuba uyayidinga na okanye awuyidingi. Umzekelo: Andinako ukutsho ukuba ndiyayithenga okanye andiyithengi ndingayibonanga le moto undithengisela yona. Kaloku ikhuba lithengwa ngokubonwa. Umzekelo: Ikhaya lisithume ukuba sinazise ukuba umfana …
Amaphupha ngomlilo
Xa siphupha ngomlilo kubalulekile ukuba sazi oku kulandelayo okanye sicinge ngako. Xa ubasa umlilo omkhulu oko kungathetha ukuba uza kulwa nomntu omaziyo. Ukuba uphupha ulawula umlilo kwaye uwusebenzisa ukufeza iimfuno zakho, leyo yintsingiselo elungileyo. Kwabanye ukuphembela umlilo kungabonisa ukuba bancedakala okanye umlilo lowo ubakhokele abo bakungqongileyo. Ukothisana umlilo wenkampu kunokubonisa isidingo okanye umdla wokuhlala nabanye …