Amaqhalo ngomtshato

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Ubeba uyakuzeka ekaSambuntsuntsu kanti uyakuzeka ekaSihlongonya: Akakwazanga ukufikelela kwiminqweno yakhe. USambuntsuntsu ngumntu ohluthayo, osisinhanha nongaswelanga nto. USihlongonya ngumntu osokolayo, ongathathi ntweni.
  • Ubeba uyakwendela enkosini kanti uyakwendela kumfokazana: Akakwazanga ukufikelela kwiminqweno yakhe.
  • Iphelile into ebekusithiwa mkhozi ngayo: Into ebidibanisa abo bantu ifikelele esiphelweni, nokuba bubuhlobo okanye into ebixoxwa.
  • Ubuhle bendoda zinkomo: Indoda ikhethwa ngemisebenzi yayo hayi ngokuba intle ngenkangeleko. Le ntetho isuka kwingxoxo zemicimbi yekhazi. Kunembono yokuba oyena mfana ofanelekileyo ngulo ukwaziyo ukukhupha ikhazi lelobola hayi kuba emhle. Indoda ayijongwa ngobuhle bayo koko ijongwa ngokuba iyakwazi na ukondla usapho.

Umzekelo: Hayi wethu ntombi lingade libe alikhangeleki isoka likaDudelwa, kodwa uyazodlula zonke iintanga zakhe ngokwakha umzi wakhe. Kakade ubuhle bendoda zinkomo.

  • Induku entle igawulwa ezizweni: Iingcebiso ezingenamkhethe zezo zivela kumntu wangaphandle. Eli qhalo likwasetyenziswa ngokubhekiselele emtshatweni apho kuchazwa ukuba umntu oyakukwakha ngumlingane ofumaneke kwenye indawo ingeyiyo le ukhulele kuyo.
  • Ufe ethwel’ umnqwazi: Akasagoduki oko wayemnke ekhaya ngelokuya kuphangela. Le ntetho ibhekiselele kumntu ongutata owashiya usapho ekhaya esiya kuxelenga. Ngoku akasabuyi kwaye akasalondli nolo sapho. Kuthi kwakubuzwa emfazini ukuba iphi na indoda yakhe aphendule ngelithi, ‘yafa ithwel’ umnqwazi’. Oko kukuthi naxa esaphila nje selefana nowafayo kuba, njengomntu ofileyo, akukhonto ayenzela lona ikhaya.
  • Indoda eyonwabileyo itshata intombi eyithandayo, kodwa eyonwabe kakhulu ithanda intombi eyitshatileyo: Yonke into inenjongo yayo.
  • Ikhuba lithengwa ngokubonwa: Ukunqwenela into ngokusuke uyibone.

Ukufuna ukubona into ukuze wenze isigqibo sokuba uyayidinga na okanye awuyidingi.

Umzekelo: Andinako ukutsho ukuba ndiyayithenga okanye andiyithengi ndingayibonanga le moto undithengisela yona. Kaloku ikhuba lithengwa ngokubonwa.

  • Ukunyuka nengalo: Ukucela into ukongezelela kule ubusel’ uyicelile wayizuza. Le ntetho ivame ukwenziwa ngoonozakuzaku bomfana xa kuyakuhlawulwa ityala lokwenza nzima intombi ethile. Kuthi kwakugqitywa ukuhlawulwa oonozakuzaku bavakalise ukuba umfana lo wenyuka nengalo. Oko kukuthi uneenjongo zokuyitshata loo ntombi. Ngoko ke kuba sekungenwa kwiingxoxo zelobola. Ukungafuni ukwahlukana nento.

Umzekelo: Ikhaya lisithume ukuba sinazise ukuba umfana lo sithetha ngaye uthe masicele sichaze ukuba wenyuka nengalo.

  • Umfazi uzele wophul’ uluthi: Zininzi iintombi onokuzimanya nazo aph’ emhlabeni. Le ntetho idla ngokubhekiswa emfaneni xa ephoxeke ekwakheni ubuhlobo nentombi ayithandayo ibe yona imbukula.
  • Kwanja zoth’umlilo: Emzini okanye ekwendeni. Apha kubhekiswa kwimpathombi yomendi emzini apho nabani na athetha nantoni na kumendi. Umazala umthuma le nale kwaye maxa wambi angoneliseki yindlela umendi enza ngayo izinto. Abantwana balo mzi, ukuquka amadodakazi, bathetha le naleya, bekhala ngokulamba, ngokunxanwa, ngokozela, ngokungahluthi, ngokungabinancasa kokutya okulungiswe ngumendi. Lilonke wonke umntu ukhonkotha lo mendi mnye.

Leave a Reply