Ukufa
Amaqhalo ngokukhuthaza
Akulahlwa mbeleko ngakufelwa: Musa ukunikezela ekwenzeni into ngenxa yokoyika ukungaphumeleli kuba ubungaphumelelanga kwixa elingaphambili. Umzekelo: Ndiyazi ukuba ubuqinisekile ngempumelelo, kodwa akubanga njalo. Amathuba awaphelanga xa unokuphinda uzame, akulahlwa mbeleko ngakufelwa. Mandulo phaya bekuthi xa kusandul’ ukuzalwa komntwana kuxhelwe impahla emfutshane. Ezinye iintlanga zixhela ibhokhwe ekubeni ezinye zixhela igusha. Eyonanto ibifunwa lifele lesi silwanyana. Belisukwa ke …
Amaphupha ngomngcwabo
Ukuba uphupha umngcwabo wesalamane, oko kunokuthetha ukuba umntu kusapho lwakho kukho ongagula okanye asweleke kungekudala. Nangona kunjalo, unokuba nobomi obude.
Amaphupha ngokufa
Ukuba uphupha uswelekile, kunokuthetha ukuba uya kuba nethamsanqa kungekudala. Unokutshata nomntu osisityebi okanye ube nolwalamano oluyimpumelelo kungekudala ukuba awutshatanga.
Amaphupha ngomtshato
Nangona xa sihleli singalelanga umtshato iyinto entle kunye nethamsanqa. Xa sikubona silele kubalibhadi kwaye kwayanyaniswa kakhulu nokufa. Ukuba uphupha utshata lilishwa elo ingakumbi emadodeni. Kuthetha ukuba kuya kubakho amaxesha anzima ebomini bakho kungekudala. Kwakhona ukuba uphupha omnye wabantu ephupheni lakho egula okanye ekhubazekile, oko kuthetha ukuba uyakuba nomtshato ongonwabanga. Ngamanye amaxesha ukuphupha utshata kunokubonisa umnqweno wakho womtshato …