Izaci ngokufa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Ukufa kusemlenzeni: Ukufa sihamba nako, ngoko umntu angabhubha nanini na. 
  • Ulele kobandayo: Kutshiwo kumntu obhubhileyo. 
  • Isitya esihle asidleli: Umntu onemisebenzi emihle akaphili ixesha elide. 
  • Lahlanz’ iselwa: Ukufa ngesiquphe. Le ntetho idla ngokusetyenziswa xa lowo uswelekileyo esweleke ngenxa yokuhlaselwa ngesikhali ze ophe ade abhubhe. Umzekelo: Kugaleleke imigewu emine yatsho ngothotho lweembumbulu kuMlulami lahlanz’ iselwa kwangoko. 
  • Itshoba lilel’ umbethe: Ubhubhile. 
  • Ingqanga ifile: Kuhambe umntu obengusaziwayo. Ukuhlupheka komntu obekade efumile enezinto zakhe. 
  • Ukunabela uqaqaqa: Ukubhubha. 
  • Ukunabela ingca: Ukubhubha. 
  • Ukwambatha uqaqaqa: Ukubhubha. 
  • Lwangcol’ ungele: Ukufa ngesiquphe, ngakumbi ngengozi. 
  • Ukuya kooyisemkhulu: Ukubhubha. 
  • Kwantsongwa nyawana: Engcwabeni. 
  • Elokufa alidleli: Akukho mntu unolwazi ukuba uyakubhubha nini na.
  • Ukuhlelwa lilifu elimnyama: Ukubhujelwa. 
  • Ukufa luhlaza: Ukufa ngendlela emasikizi. 
  • Ukubek’ inqawa: Ukubhubha. 
  • Kuwe umthi omkhulu: Kusweleke umntu obeyintsika yosapho. 
  • Kugawulwa owaziwayo: Ukufa kufumana abantu abanegalelo ezimpilweni zabany’ abantu kwaye bedume ngezenzo zabo ezintle nezamkelekileyo eluntwini. 
  • Ukukhab’ ibhekile: Ukusweleka.

Leave a Reply