Akulahlwa mbeleko ngakufelwa: Musa ukunikezela ekwenzeni into ngenxa yokoyika ukungaphumeleli kuba ubungaphumelelanga kwixa elingaphambili.
Umzekelo: Ndiyazi ukuba ubuqinisekile ngempumelelo, kodwa akubanga njalo. Amathuba awaphelanga xa unokuphinda uzame, akulahlwa mbeleko ngakufelwa. Mandulo phaya bekuthi xa kusandul’ ukuzalwa komntwana kuxhelwe impahla emfutshane. Ezinye iintlanga zixhela ibhokhwe ekubeni ezinye zixhela igusha. Eyonanto ibifunwa lifele lesi silwanyana. Belisukwa ke eli fele ukuze lithambe ze kubelekwe umntwana ngalo. Elo fele ke yimbeleko. Mayingasitheli ke into yokuba kule mihla imbeleko inentsingiselo eyongezelelekileyo kuleyo yamandulo. Kaloku ngoku sekuthengwa iingubo ezivenkileni ze usana lubelekwe ngayo. Kodwa ke imbeleko lisiko eliquka ukuxhelwa kwale mpahla imfutshane nokwaziswa komntwa ekhayeni nakwizizalwane
- Ukuxoz’ omny’ umphini: Ukukhangela esinye isisombululo sokusombulula ingxaki kunesi ubukade usisebenzisa.
- Akukho kufa kunjani: Yomelela uyenze into emelwe ukwenziwa nguwe nokuba imeko ithini na.
- Umasindw’ ezama akanatyala: Akukho ngxaki xa umntu ezizamela ukuphila, solange ekwenza oko ngokusemthethweni nangendlela eyamkelekileyo eluntwini.
- Ukungahlehli nyevane ngokuhlehliswa: Ukungavumeli nayiphi na imeko eyakukumisa okanye eyakuphazamisa kuloo nto ucebe ukuyenza.
- Inxeba lekroti lingaphambili: Jongana nemiceli mngeni eqondene nawe, ungayinikeli mva ungayisombululanga.