Amaqhalo ngokukhuthaza
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Akulahlwa mbeleko ngakufelwa: Musa ukunikezela ekwenzeni into ngenxa yokoyika ukungaphumeleli kuba ubungaphumelelanga kwixa elingaphambili. Umzekelo: Ndiyazi ukuba ubuqinisekile ngempumelelo, kodwa akubanga njalo. Amathuba awaphelanga xa unokuphinda uzame, akulahlwa mbeleko ngakufelwa. Mandulo phaya bekuthi xa kusandul’ ukuzalwa komntwana kuxhelwe impahla emfutshane. Ezinye iintlanga zixhela ibhokhwe ekubeni ezinye zixhela igusha. Eyonanto ibifunwa lifele lesi silwanyana. Belisukwa ke …