- Ukufa namthanyana: Ukungaphumeleli kuloo nto ubuyenza okanye ubuyilindele ukuba izakwenzeka.
- Ukuwa iingalo: Ukunikezela kuloo nto yenziwayo kuba ungasenamdla wakuqhubekeka. Umzekelo: Hayi noko kudala ndisika kule nyama nto zoobawo, ndiwe iingalo ngoku.
- Ukuthwal’ izandla; Ukunikezela kuloo nto ubuyenza. Ukothuswa yinto obungalindelanga ukuba ungagagana nayo.
- Ukuhlamba izandla: Ukuncama.
- Ukuxhoma izandla: Ukunikezela ukubonisa ukuba woyisiwe okanye woyisakele.
- Idlule amadolo: Seyincanyiwe, akukho zinzame zingenziwanga. Umzekelo: Ixakile ke lento yokuqaqadeka kwalo mntwana. Akukho nkalo singayivelelanga. Idlule namadolo.
- Ukuwa ngeempondo: Ukoyisakala.
- Ukubuya nemband’ esikhova: Ukubuya nelize.
- Ukubuya noboya bentenetya: Ukubuya nelize.
- Ukuphembela emoyeni: Ukwenza into engenampumelelo.
- Ukuphelel’ emoyeni: Into engagqitywanga ukwenziwa okanye kwenziwe isigqibo ngayo de igqibele ingahoywa nakubeni ibifanele ukuhoywa.
- Iliwa libhek’ umoya: Akukhonto ifumanekayo.
- Ukujoja amasele: Ukubuya nelize kuloo nto ubuyizama.
- Ufe namthanyana: Akaphumelelanga ukufumana into ebesel’ ethembe ukuba uzakuyizuza noba imeko ithini na.
- Ukulahla iintonga: Ukuncama.
- Ukweyela kwaCihoshe: Ukungaphumeleli kumalinge akho. Inkosi yamaNgqosini, uCihoshe, wayewela kwisiziba esithile kumlambo iNxuba. Esi siziba kuthiwa sikude kufuphi nomlomo walo mlambo. Imbali ithi uCihoshe lowo kunye nabantu bakhe ababekunye naye beyela kweso siziba bezama ukuwela baza baguquka bangabantu bomlambo. Salifumana njalo eli gama esi siziba. Kukud’ eBhakubha: Kudude apho kuyiwa khona ngokwemizamo, ngakumbi kumntu ekukudala elinga kodwa angade ayifumane le nto ayifunayo.
Izaci ngokwahluleka okanye ukungaphumeleli
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso