Amaphupha ngenyoka

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ukuphupha inyoka isenongabiyonto imnandi kwaphela, amaxesha amaninzi kunokuthetha ukuba kukho utshaba elukuzingelayo kwaye lusondele kakhulu apha kuwe. Kwaye kuxhomekeka nasekubeni yeyiphi inyoka oyiphuphileyo. Umzekelo, ukuba uphupha inyoka enkulu (i-Anaconda umzekelo), elo phupha limalunga nomntu omdala okanye ukhokho.  Irhamba Ukuphupha irhamba oko kungathetha ukuba kukho umntu uzenza isihlobo sakho ekukhohlisa, nto leyo ithetha ukuba umntu osondelelene …

Funda okunye

Amaphupha ngeembovane

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ukuphupha iimbovane kungathetha izinto ezininzi. Ezinye zezi zinto zintle ze ezinye zazo zingabi ntle, ngoko ke kungafuneka ukuba udibane noosiyazi okanye umntu wakokwenu omdala okwazi ukulawula amaphupha. Ukuba uthi uphuphe iimbovane nje, oko kungathetha ukuba kukho oza kuvuzwa ngako ngenxa yomsebenzi oncomekayo owenzileyo. Kwakhona, kungathetha ukuba ikhona le nto ikudinayo emphefumlweni. Kwakhona, ungaphupha iimbovane xa …

Funda okunye

Amaphupha ngabantu abangasekhoyo

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Singabantu sikholelwa ekubeni abangasekhoyo emhlabeni abasishiyanga kwaphela basekunye nathi ngokomoya. Amaxesha amaninzi sibonana nabo emaphupheni. Nangona kunjalo xa sidibana nabo ngokomoya emaphupheni kuxhomekeka ukuba sibaphuphe besenzani ntoni na kwaye besithini. Kwakhona kuyakufuneka siqaphele ukuba amaphupha ngabantu abangasekhoyo alawulwa okanye asenokuchazwa ngokwahlukileyo. Xa uphupha abantu bakokwenu abangasekhoyo, ngamanye amaxesha bafuna izinto kuwe.Ngamanye amaxesha sukuba befuna ukukulumkisa …

Funda okunye