Ukuphupha iimbovane kungathetha izinto ezininzi. Ezinye zezi zinto zintle ze ezinye zazo zingabi ntle, ngoko ke kungafuneka ukuba udibane noosiyazi okanye umntu wakokwenu omdala okwazi ukulawula amaphupha. Ukuba uthi uphuphe iimbovane nje, oko kungathetha ukuba kukho oza kuvuzwa ngako ngenxa yomsebenzi oncomekayo owenzileyo. Kwakhona, kungathetha ukuba ikhona le nto ikudinayo emphefumlweni. Kwakhona, ungaphupha iimbovane xa umoya wakho ungazinzanga kakuhle, uziva okanye uzibona ungabalulekanga ebomini babantu abathile. Kweminye imizi iimbovane zibandwendwela abantu emaphupheni njengabantu abadala.
Ukuba uphupha iimbovane zikuhamba emzimbeni oko kungathetha ukuba ukhona umntu okudikayo ebomini bakho. Ukuba uphupha iimbovane zogqume umzimba wakho oko kungathetha into yokuba bakhona abantu abakudikayo abafuna ixesha lakho okanye uncedo lwakho kwaye uziva uxinekile ngabo. Aba bantu bangaba zizihlobo nezalamane okanye abahlobo osondeleleneyo nabo nongakwazi kuzikhwebula kubo. Kwakhona, ukuphupha iimbovane zogqume umzimba kungathetha ukungazinzi komphefumlo. Kwakhona, kungathetha ukuba noqoqosho kwicala lemicimbi yemali.
Ukuphupha ungenwe ziimbovane emlonyeni okanye endlebeni kungathetha ubungozi onokujongana nabo. Ingaba bubungozi obuza kuza kuwe nabantu osondelelene nabo, mhlawumbi njengamalungu osapho? Kwaye kusenokuthetha ukuba impilo yakho isemngciphekweni. Kubalulekile ke ukuba xa usoloko uphupha iphupha elinye elifanayo elichaphazela iimbovane undwendwele umlawuli wamaphupha okanye usiyazi njengoko iinkcazelo zamaphupha zisohlukana.
Ndiphupha umama lo wandikhulisayo ngathi apho alele khona kunoqongqothwane bancinci and khakhi ngombala, ndimvuse asukume basuke oqongqothwane bagcwale ibhedi kuvele imbovane konke kuninzi. Umama lo akasekho wasweleka.
Molo Fundiswa,
Fumana ulwaziesinalo malunga namaphupha ngezinambuzane kwezi links zilandelayo. Ndiyathemba ukuba ziyakukunceda ukuba ufumane impendulo.
https://iafrika.org/xh/tag/izinambuzane/
https://iafrika.org/xh/amaphupha-ngembovane/
https://iafrika.org/xh/amaphupha-ngeembovane/
Amaphuphu ngezulu lihlomilr
Molo Sizeka,
Nalu ulwazi esinalo malunga ngemozulu kunye neendudumo.
https://iafrika.org/xh/amaphupha-ngemvula/
Ndiyabulela kakhulu ndisho ndavuleka inqgondo ngephupho lam
Molo simnikiwe siyabulela kakhulukwaye siyakuvuyela ukuva ukuba lubeluncedo olulwazi kuwe. Ungafunda malunga nokuninziokuquka iziduko nokunye kule link ilandelayo: https://iafrika.org/xh/
Ndiphuphe ndisidla ukudla ndithe ndisadla ndabona okutya sekunembovane de ndakuyeka ndaphunga iti xa ndigqiba ukuphunga ndithi ndijonga ikomityi ngaphakathi ine mbovane
Molo Luthando,
Nceda ufumane ulwazi malunga neembovane kwezi link zilandelayo: https://iafrika.org/xh/amaphupha-ngembovane/
https://iafrika.org/xh/amaphupha-ngeembovane/