Ukuphupha inyoka isenongabiyonto imnandi kwaphela, amaxesha amaninzi kunokuthetha ukuba kukho utshaba elukuzingelayo kwaye lusondele kakhulu apha kuwe. Kwaye kuxhomekeka nasekubeni yeyiphi inyoka oyiphuphileyo. Umzekelo, ukuba uphupha inyoka enkulu (i-Anaconda umzekelo), elo phupha limalunga nomntu omdala okanye ukhokho.
Irhamba
Ukuphupha irhamba oko kungathetha ukuba kukho umntu uzenza isihlobo sakho ekukhohlisa, nto leyo ithetha ukuba umntu osondelelene naye yinyoka. Kwaye ukuba ungumntu ozalwa kwaJola ngokwesiduko, kukho inkolelo yokuba umaJola yinyoka yelakhaya. Zininzi ke izinto ezinokuvezwa kukuphupha inyoka kodwa ezi zilandelayo zezixhaphakileyo. Kungako kubalulekile ukuba udibane nosiyazi okanye umntu omdala akulawulele iphupha.
Inyoka yobugqwirha
Ukuphupha inyoka ekukholeleka ukuba yeyobugqwirha, eyinyoka emnyama enomqolo omhlophe, kuthetha ukuba kukho umntu oseqhingeni lokungcola ngomzi wakho okanye iwenu, loo mntu usebenzela ukuthumela laa nyoka ubuyiphupha ukuba ikuthakathe okanye inithakathe.
Kananjalo, ukuba uphupha ubona iinyoka, olo ingaluphawu lwebhadi kwikamva lakho, njengoko kungqinwa luhlobo lwenyoka eyenzelwe abantu abadala, into ethetha ukuba izinyanya zinomsindo ngawe kwaye umntu othile uyakukungcatsha, ingakumbi xa ithe yathetha inyoka leyo. Ngamanye amaxesha xa uphupha inyoka iphezu kokukuhlasela ze kuvele umntu kwakwelo phupha, loo nto ithetha ukuba lukhona utshaba olukuzungezayo ntonje amawenu akukhusele.
Ukuba uphupha ngeenyoka, kunokuba yinto embi kwikamva lakho. Kusenokuthetha ukuba ookhokho abonwabanga kuwe kwaye umntu angakungcatsha, ngakumbi ukuba inyoka iyakuluma.
Iintlobo ezahlukeneyo zeenyoka zinokuba nokutolikwa okwahlukileyo kumaphupha:
Inyoka (Inyoka Yookhokho)
Ukuba uphupha inyoka emdaka nomhlophe, kunokubonisa ukuba ookhokho bathumela umyalezo ukuba ulumke okanye ukuba inhlanhla isendleleni.
Inyoka eluhlaza
Ukuba uphupha inyoka enkulu eluhlaza, inokubonisa ukuba unotshaba oluzimisele ukukwenzakalisa, nkqu nakwintsapho yakho.
Mamba
Ukuba uphupha imamba, inokubonisa ukuba abantu bayahleba kwaye bathetha kakubi ngawe ngasemva kwakho.
Intlwathi
Ukuba uphupha intlwathi ikucudisa, oko kunokuthetha ukuba ookhokho bazama ukunxibelelana nawe.
Ukuphupha kugqabhuka ithumba kuthetha ntoni
Molo Ntombi,
Enkosi ngecomment yakho. Okwangoku asikabhali lwazi malunga namaphupha ngamathumba. Kungekudala siza kusebenza ekuphandeni kwaye sibhale.