Amaphupha ngebhadi okanye ngobumnyama
Ukuba uphupha ukwindawo emnyama, kusenokuba lilishwa elibi ukuba awukwazi ukubaleka kuyo. Ukuba usoloko uphupha eli phupha kwaye ungumntu okholelwa kunyango lwesintu, kubalulekile ukuba uye kundwendwela imboni okanye inyangi. Uboniswa ukuba imeko imbi kwaye izinto zakho azihambi kakuhle. Amashwa anokubangelwa ngumntu oligqwirha ongafuni ube nento entle ebomini. Nokuba uzama ukwenza izinto ezinokukhokelela empumelelweni, akukho nto isebenzayo. …