Amaphupha ngabantu abangasekhoyo
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Singabantu sikholelwa ekubeni abangasekhoyo emhlabeni abasishiyanga kwaphela basekunye nathi ngokomoya. Amaxesha amaninzi sibonana nabo emaphupheni. Nangona kunjalo xa sidibana nabo ngokomoya emaphupheni kuxhomekeka ukuba sibaphuphe besenzani ntoni na kwaye besithini. Kwakhona kuyakufuneka siqaphele ukuba amaphupha ngabantu abangasekhoyo alawulwa okanye asenokuchazwa ngokwahlukileyo. Xa uphupha abantu bakokwenu abangasekhoyo, ngamanye amaxesha bafuna izinto kuwe.Ngamanye amaxesha sukuba befuna ukukulumkisa …