Izaci ngobunzima neengxaki

  • Ukudumb’intloko: Ukuba kwimeko ebhidisa ukucinga. Ukuba sengxakini yokukhetha into phakathi kwezinye. Umzekelo: Zisuke zantle zonke ezi suti. Ndisuke ndadumb’ intloko ndasuke ndangayazi ukuba ndithathe eyiphi ndishiy’ eyiphi. Ukulangazelela into ngamandla ube ungayifumani ngeli xesha uyifuna ngalo. Umzekelo: UZethu udumb’ intloko yile ntombi azakuyitshata, iindlebe zithe nti. 
  • Ukungaveli nangeenwele: Ukuba sengxakini ongakwaziyo ukuzikhupha kuyo. Ukungaphumeleli entweni de igama lakho lingabonakali, ukuba amagama ayapapashwa kuloo nto kukhutshwa ingxelo zayo. 
  • Imbandezelo ayisosacholo: Intlupheko ayihlali ikhona, ngeny’ imini izakufikelwa lixesha lokuphela kwayo. 
  • Ukutsha kwegquba: Into engapheliyo, nethi sekucingwa ukuba seyiphelile isuke ivumbuluke. Umzekelo: Luzengezenge lwetyala eli, sithi sesilibele ukuba lisekho lisuke lithi vumbululu nqwa nokutsha kwegquba. 
  • Ukuba likhalane endlebeni: Ukuhlupha. 
  • Ukufa kusesiswini: Ingxaki obhekene nayo yenziwa ngabo basondele kuwe. 
  • Yaqhawuk’ imbeleko: Kukho ingxaki ethe gqi. Kuvele ingxabano eyahlukanise abantu abebevana. Umzekelo: Yaqhawuk’ imbeleko kuZinto noNtoni mhla uNtoni wasilela ukumkhupha engxakini eyayifuna uncedo olukhawulezileyo. 
  • Phakathi kwenyama nozipho: Ukuba semngciphekweni. 
  • Konakel’ ukuhlala: Kukho ingxaki ethe gqi. 
  • Kugos’ okwaphukayo: Imeko imbi. 
  • Umtha wedolo: Ingxaki
  • Ukuzidubula enyaweni: Ukuzenzakalisa ngento obucinga ukuba izakuba luncedo kuwe. Ukuzidibanisa nomntu ocinga ukuba uzakubaluncedo kuwe kanti uzakukwenzela izinto ezimbi. Ukuzifaka engxakini. Umzekelo: Uzidubul’ enyaweni ngokunika umntu angamaziyo imali kuba esithi izakuzala. Jonga ngoku akazi nokuba ngubani esuka phi. 
  • Ukuma nematha: Ukuxakwa yinto okanye bubume bezinto. 
  • Ukuzirholela uthuli: Ukuzifaka engxakini. 
  • Umzimba waziwa ngumniniwo: Iingxaki zaziwa ngumninizo. 
  • Umqa womel’ ephinini: Ukuba sengxakini. 
  • Umqa womel’ esandleni: Ukuba sengxakini. 
  • Wajiy’ umqa: Yaqal’ ingxaki. 
  • Amazimb’ aphalele: Kuxakekekile. Yingxaki enkulu ukubutha amazimba aphaleleyo. Kaloku ngoku selexubene nomhlaba okanye intlabathi kunye nezinye izibi ezingafunekiyo.
  • Umthwalo kasenza: Ingxaki. 
  • Inja imi nenkovu: Usengxakini. 
  • Ukuba yinkuku: Ukuxakwa yinto. 
  • Ukuyibelek’ ikrwempa: Ukumelana neziphumo zengxaki ozifake kuyo. 
  • Intlama idliwe yinja: Ukuba sengxakini. 
  • Ubhidwe yinja ukungavuthwa: Uxakene nento abeseleyiqalile. 
  • Uzalelwe yinja endlwini: Uzifumene esengxakini ekungekho lula ukuphuncuka kuyo. Inja esandul’ ukuzala ineengcwangu ezingummangaliso, ayifuni kwanto esondela ecaleni kwamantshontsho ayo okanye imibundlwana. Ayivumeli nditsho nkqu umniniyo. Ngoku xa izalele endlwini kube kulapho kufuneka ungene khona, kuzakungeneka njani? Icebo lelokuba uzame ngazo zonke iindlela zokuba uqale ukhuphe inja le endlwini kwaye uyivalele kweny’ indawo ukwenz’ ukuba ingaphinde ingene kwaye ingakuboni usondela kufutshane nemibundlwana yayo. Emva kokuba uyivalele ukhupha amantshontsho uyokuwabeka kwenye endawo ekhuselekileyo, kodwa ulumke ingakhe ilinge ikubone uphethe amantshontsho ayo, ungasengxakini. Xa sele uwathuthele kuloo ndawo uyivulela kula ndlu ibinamantshontsho kodwa wena ungabikho kufutshane nalo ndawo. Izakungena endlwini iye kulaa ndawo yazi kulala amantshontsho. Njengokuba izakufika engekho izakuphambana ibe yipeni iwafuna de iyokuwafumana kule ndawo uwabeke kuyo. Ixakekisa njalo indima yokuzalela kwenja endlwini esasetyenziswa ngabantu.
  • Inkom’ irhush’ indlu: Kukho ingxaki. 
  • Any’ amathole: Kubi. Kaloku xa amathole esanya kungekasengwa loo nto itheth’ ukuba kuzakulanjwa ngoba akuzubakho masi. 
  • Imela igobele esandleni: Ukujikelwa yinto obukade uyenza ngempumelelo. Nakubeni le ntetho inentsingiselo efana nale ithi; isikhuni sibuye nomkhwezeli abanye abantu bayisebenzisa ukuchaza ukubuyiswa koncedo kumntu obefudula enceda abanye ze abenengxaki apho adinga abantu bokumncenda. 
  • Umkhosi udl’ amahashe: Izinto ezidingekayo zinqabile, kuncanyelwa kuloo nto ikhoyo nenokunceda ngelo xesha. 
  • Kumdak’ iisali: Kubi
  • Lanqum’ inqatha: Uxakwe kukwenza into ebeba kuyakuba lula ukuyenza. 
  • Ixake intendele: Ingxaki engenasisombululo. 
  • Kwasiziba yeyela: Ukuzifaka entweni ekungakwazekiyo ukuphuma kuyo xa sele uphakathi. 
  • Uxam wakholwa ngamantintinti: Umntu onenkani uqabuka selengene engxakini.  
  • Yehl’ nkaw’ emthini: Ukuzifaka engxakini. 
  • Yehl’ intlekele: Yavel’ ingxaki. 
  • Angen’ amanz’ endlwini: Yafik’ ingxaki. 
  • Konakel’ ukuhlala: Ingxaki igalelekile. 
  • Utshonelwe lilanga emini: Ufikelwe ziingxaki. 
  • Kwahlwa emini: Ukuvelelwa yingxaki engalindelekanga. 
  • Kuhlwa kusisa: Iingxaki azisoloko zikhona, ngeny’ imini zizakuphela. 
  • Ukufa kunye: Akukho mntu ungafikelwayo ziingxaki. 
  • Ukufa kusembizeni: Ingxaki ibangelwa ngabo basondele kuwe. 
  • Ukufa kusesizweni: Ingxaki ibangelwa zizinto ezenzeka ekuhlaleni. 
  • Ukufa kufikile: Kuvele ingxaki enobungozi. 
  • Yaqin’ inqawa: Ingxaki engasombululeki lula. 
  • Kuqhawuk’ uNobathana: Kwehle intlekele. 
  • Kuqhawuk’ ujingi: Kwehle intlekele. 
  • Ingxubakaxaka: Ingxaki ekunzima ukuyisombulula. 
  • Umsonto onyikinyiki: Ingxaki. 
  • Intsuma-ntsumane: Ingxaki. 
  • Ndizigwaze ngowam: Ndizifake engxakini ngokwam ngale nto ndiyenzileyo. 
  • Ukuba senyuleni: Ukuba sengxakini. 
  • Ayinethi iyadyudyuza: Iingxaki ziyathontelana. 
  • Unomji: Imeko ekunzima ukuba isombululeke. 
  • Kophuka iikomityi: Kukho ingxaki. 
  • Ukubhinqisa ngelahle: Ukufaka engxakini. Ukuzibizela ingxaki. 
  • Kubambene ingwe nengonyama: Yingxaki ekungekho lula ukuyisombulula. Kuhlangene abantu abalinganayo ngamandla nobuchule. 
  • Inkal’ ixing’ etyeni: Uzifake engxakini ekungekho lula ukuzikhupha kuyo. 
  • Ukonyuk’ umnqantsa: Ukuba kwimeko yento ekunzima ukuyisombulula. Ukuba sengxakini. 
  • Ukuzinqikela ubugqwangu: Ukuzibizela ingxaki. 
  • Ukuziqhwayela isiqalane: Ukuzifaka engxakini. 
  • Ukutheza elinenkume: Ukuzibizela ingxaki. 
  • Ukukhawulela umsinga: Ukwenza okuphikisana nesigqibo soninzi. Ukuzifaka engxakini. 
  • Lwadilik’ udonga: Yaqal’ inkathazo. 
  • Liduduma lidlule: Ububi abusoloko bukhona, bubakho bubuye budlule. 
  • Impuku eseselweni: Ukuba sengxakini. 
  • Ukoja emsini: Ukuzifaka engxakini. 
  • Inkinge emthumeni: Ingxaki. 
  • Ukuzicandela umgalagala: Ukuzenzela okanye ukuzibizela ingxaki ngaloo nto uyenzayo okanye uyithethayo. 
  • Ukurhuqa amahlahla: Ukuzilandela ingxaki. Ukufaka abantu entweni abangamelwanga kungeniswa kuyo. Umzekelo: Kunzima ke ukukuhlebela into wena Mpoxo. Ndiyakurweca ukuba uzokuxhamla nam le bhekilana yomqombothi. Jonga ngoku urhuqe onke amahlahla. Sizakubathini ngoku aba bantu uza nabo? 
  • Uyakuwoth’ ubomvu: Uyakuzifaka engxakini. 
  • Intsindabadala: Ingxaki engasombululekiyo. 
  • Ukuzoja: Ukuzifaka engxakini. Ukuzisondeza emntwini ngeenjongo zokucela injezu. 
  • Yangen’ intaka endlwini: Yenzeka ingxaki. Yenzekile le nto bekulindelwe ukuba yenzeke. 
  • Makalutheze alothe: Umntu makavune iziqhamo zezenzo zakhe. Makazikhuphe ngokwakhe kwingxaki azifake kuyo. 
  • Ukuxhentsa uzombelela: Ukuzikhupha ngokwakho engxakini nakubeni ubulindele ukuba kubekho abantu abazakukuncedisa. Zikhuthaze wena kuqala ngaphambi kokulindela ukukhuthazwa ngabany’ abantu. 
  • Makulale iziphunzi: Makuyekwe ingxabano, kuxolelwane.  
  • Ukusiphula neengcambu: Ukususa iingxaki kunye nonobangela wazo. 
  • Kophuk’ iintonga: Imeko imbi. 
  • Ukuphemb’ ushiya: Umntu oxabanisayo kuyo yonk’ indawo afika kuyo ze ashiye edale uqhushululu abuye ayokuxabanisa kwenye. 
  • Imfazwe isuk’ eziko: Iingxabano ziqalela kwiintwana ezincinane. 
  • Ukubas’ umlilo: Ukuphembelela udushe. 
  • Lavuth’ ibhayi: Yehl’ intlekele. 
  • Ukucim’ umlilo: Ukuzama ukusombulula iingxaki sekonakele ekubeni ubungenzinto ngayo ngelaa xesha ibisaqala okanye uyikhusele ingekaqali. 
  • Ukuwotha ushushu: Ukumelana nomngeni. 
  • Kuhlangene isanga nenkohla: Imeko enzima engenasisombululo. Isanga ngala manzi angekhoyo uwabona xa uhamba endleleni ilanga litshisa. Uthi wakufika kule ndawo ububona kuyo la manzi ufike kome koro. Ngeliny’ ixesha lo mbono wenzeka ube wena mntu uwubonayo usifa lunxano. Uya kule ndawo inamanzi udubulekile kuba unethemba lokuthoba unxano, ufike kungekho kwamanzi. Yinkohla ke leyo ngoba amehlo akho nengqondo yakho zikhohlisekile. 
  • Ukunika intambo ende: Ukuyeka umntu enze into anga angayenza nakubeni izakumxaka ekugqibeleni. 
  • Ukuzirhintyela ngentambo: Ukwenza into ekungafanelekanga ukuba uyenze kwaye usazi ukuba awulungisi ngokwenza loo nto, ze ekugqibeleni uzifumane usengxakini ngenxa yaloo nto. 
  • Iqhakuva lokhwekhwe: Into eyinkathazo. 
  • Isanama ndokunamathela: Ukuthiwa nca yinto ongathandiyo ukuba ikunamathele. Umzekelo: Kus’ke kwathini na uNdikho es’ke wandithi nca ngokungathi ndiyamtyal. Ndiba ngangena ngapha ukho. Us’ke wasisanama ndokunamathela akandinika nethuba lokuphefumla. 
  • Ukuval’ amazibuko: Ukuzikhusela ukuze ungehlelwa yingxaki engalindelekanga.
  • Ushiywe kwesinomhlwa: Umntu oyekelwa azibonele ngengxaki yakhe naxa edinga uncedo. 
  • Ukushiywa enkangala: Ukushiywa kwimeko apho ungenakufumana luncedo kuyo.
  • Ukuhlalwa lilahle emhlana: Ukuba nengxaki. 
  • Ivili liyajikeleza: Into embi ayehleli mntu mnye, nomnye iyakumehlela ngeny’ imini.

Leave a Reply

Bhalisela ku-Whatsapp Bhalisela indaba lwazi yethu