- Nox’ inyoka ifile nje ithambo layo lihlaba umntu afe: into enobuzaza ekucingwa ukuba idlule ze ethubeni ibuye ithi gqi sele inobungozi kwabo ibachaphazelayo.
Umzekelo. Oonkabi bebeba babhungcile kanti ityala lisaqhuba ntonje bekusaphandwa. Bebengazi ukuba nox’inyoka ifile nje ithambo layo liyahlaba. Ngoku bothuswa kukufikelwa yimisila ebagunyazisa ukuba bavele kwinkundla yamatyala.
- Ukuthwalis’ izinki (icangci) kukh’ umoya: Ukuxakekisa umntu ngento enzima kwaye inobungozi.
- Ukugalela amafutha (iparafini okanye ipetrol) emlilweni: Ukwenza imeko ibemaxongo ngakumbi