Amaqhalo ngesiqalo, isizekabani nentsukaphi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Inkqayi ingena ngentlontlo: Izinto ezinkulu ziqala kancinane. Eli qhalo lisukela ekubeni xa uzakucheba intloko yomntu uqala uvule indlela ngesikere okanye iklipa apha phambili bungentla kwendlebe, yile ndawo kuthiwa yintlontlo ke leyo. Uqala apho kanti uzakucheba intloko yonke.

Umzekelo: Njengokuba bengamkhuzi egezela abantu abadala nje, ngeny’ imini uyakubasa isandla. Kaloku inkqayi ingena ngentlontlo.

  • Yakun’ imvula kuhlokoma neendlela: Yonke into eyenziwa ngumntu inento ebangwa yiyo, yonke into inentsusa yayo.
  • Inqala yenyoka kukuluma into engazukuyitya: Umntu omonela okanye owenzela omnye amayelenqe abe engazukuzuza nto ngokwenza oko.
  • Akukho mthunzi ngaphandle komthi: Yonke into inentsusa yayo.
  • Ikhikhizela lihluma eziqwini: Yonke into inentsukaphi yayo, makhe sibe nomfanekiso wediza lombona. Apha esiqwini sediza kuntshula la ndawo apho kuzakubakho isikhwebu kuyo, likhikhizela ke elo.
  • Ubuhlanti buchaza ubukho beenkomo: Yonke into inesizathu.
  • Intloya iphuma emasini: Yonk’ into inemvelaphi yayo.
  • Inkovu iphum’ ethangeni: Yonk’ into ikho ngesizathu.

Leave a Reply