- Ukuba namanwele: Ukoyika ngathi kukho into embi ezakwenzeka.
- Ukuba nephaphu: Ukuphaphazela. Ukoyika.
- Ukuba maphikana: Ukukhefuzela ngenxa yokothuka okanye ukoyika into ethile.
- Ukuba nombilini: Ukoyika, ukucingela ukuba kungakho into embi ezakwehlela okanye ozakuyiva. Ukutya kakhulu ungahluthi.
- Ukuqina umbilini: Ukungoyikinto.
- Ukuthi qhiphu umbilini: Ukoyika okuhlangene nokuphaphazela.
- Ukuthoba izibilini: Ukuthomalalisa ukoyika.
- Ukuba nedyudyu: Ukoyika.
- Ukuba nesibindi: Ukungoyiki ukwenza into, ngakumbi xa abanye abantu besoyika ukuyenza.
- Ukuqina isibindi: Ukungoyiki nto.
- Ukungabi nasibindi: Ukoyika ukwenza into ekulindeleke ukuba uyenze.
- Ukuqweba isibindi: Kukuthi ngoku ubusoyika ubuye ucinge ukuba mawujongane nengozi okanye ingxaki.
- Ukuba nentaka: Ukoyika.
- Ukuphathwa yintaka: Ukoyika.
- Ukufaka intaka; Ukoyikisa.
- Ukuba yingwe yomntu: Ukoyikeka. Ukuba ngumntu owoyikwayo ngabanye abantu.
- Unamafutha kagqoloma: Uyoyikeka. UGqoloma (Python) yeyona nyoka inkulu apha kwilizwekazi le-Afrika. Kuthiwa imazi yayo inobude obungaphezulwana kwiiMitha ezintlanu, ze inkunzi ibengaphezulwana kwiiMitha ezine. Amaxhoba kaGqoloma zizilwanyana, ezincinane nezinkulu, kanti ke zikhona iziganeko apho ade ahlasele nabantu. Indlela abulala ngayo uGqoloma kukuthi azithandele okanye azibhijele kumzimba wexhoba aliqinise. Ngaloo ndlela uyalifuthanisela lide life, emva koko ke uyaliginya.
- Ukungenwa yingqele: Ukoyika.
- Ukuba novalo: Ukoyika.
- Ukubethelwa luvalo: Ukoyika.
- Kuphephezela ingwatyu: Ukoyika.
- Ukoyika inyok’ efileyo: Ukoyika into engenabungozi. Ukungazithembi ekwenzeni into ekulula ukuyiphumelela xa sel’ uyenza.
- Igevezelis’ amadolo: Into eyenza ukuba umntu ankwantye luloyiko.
- Ukuzibandeza: Ukoyika ukuqobisana nomceli mngeni ude ulandule ukulwa naye.
Izaci ngobugorha nobugwala
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso