- Amadoda awafani, afana ngentshebe kuphela: Umntu nomntu unendlela eyeyakhe yokwenza izinto. Unezimbo nemikhwa yakhe yokwenza oko.
- Isidleleleli asibazi ubuhlungu bendlala: Umntu ofumana izinto engazisebenzelanga akayazi intsokolo yokufumana ezo zinto. Isidleleleli yinto, okanye umntu, ephila ngokusebenzisa into yenye into okanye yomnye umntu.
Umzekelo: Incukuthu sisidleleleli kuba ifunxa igazi lomntu ukuze iphile.
- Ayikhonkothi ipheth’ ithambo: Umntu wenza into ibenye ngexesha ayifeze ngaphambi kokuba adlulele kwenye.
- Inkunzi iyazibeka, ayibekwa: Umntu uzibonakalisa ngemisebenzi yakhe ingekuko ukuzincoma kwakhe.
- Inkomo isengwa ngoyaziyo: Yekela abantu abanolwazi benze ngokolwazi lwabo.
- Akukho mpukane inqakulela enye: Umntu nomntu uzizamela ngokwakhe into anqwenela ukuyizuza. Umntu uphumelela ngokuzenzela ngokwakhe indlela eya empumelweni.
- Ndiyakutya iintwala zendlu yam: Ndiyakusebenzisa oko ndinako ndingaxhomekekanga ekuncedweni nguwe. Le yintetho eyenziwa ngumntu okhalala ukungahoyeki emcimbini othile, ancame ayokuzanelisa ngezinto anazo kwakhe, nokuba zibonakala zidelekile komny’ umntu.
- Awumbiwa hlathini linye: Into eyenziwa ngumntu nomnye umntu unokwazi ukuyenza.
- Imoto ilandelwa luthuli lwayo: Umntu waziwa ngemisebenzi yakhe, nokuba mibi okanye mihle.
- Uhlafuna umthamo ongenakuwuginya: Ukwenza into engaphaya kwamandla akho.
- Ijoni lifela emsebenzini walo: Umntu uyazimisela ekuthatheni uxanduva lwento athwaliswe yona.
- Ijoni lifel’ emfazweni: Yinto enye neli lingentla.
- Ukuthwalisa inyanda yamatye: Ukwenziswa umsebenzi ongaphaya kwamandla akho. Ukuphenduliswa into ongenalwazi lwayo.
Umzekelo: uthi mandiwuthini lo msebenzi ungaka andithwalisa wona ndedwa, yinyand’ amatye le.
- Ukungena ngeenyawo ezinkulu: Ukungxamela ukwenza into ungaqiqanga ukuba iyakuba neziphumo ezithini na.
- Ukungena ngeenyawo ezinodaka: Ukugxuphuleka entweni ongafunekiyo kuyo.
Umzekelo: Ucelwe ngubani ke ngoku uNoqatiko kulo mcimbi selewungena ngeenyawo ezinodaka nje?
- Ukungena ngeenyawo ezinentsente: Ukugxuphuleka entweni engakufuniyo.
- Kosenga ikati kubethelel’ impuku: Kwazibonele, apho abantu bakhona benza nantoni na abathanda ukuyenza nanini na, nanjani na. Emzini apho kungekho mkhondo wanto khona.