Iimpukane
Izaci ngencoko
Umzekelo: Makhe sithi gu bucala sifakane imilomo ngale nyewe. Umzekelo: Ndithi mandoleke umsundulu kule ntetho igqiba kwenziwa nguChule. Umzekelo: Akaxoki, ushiy’ amang’ emzini. Isaqhaga yimazi yenkomo ethi noxa ibhonxile lubisi kodwa ithi xa isengwa itsho ngenketshe-nketshana yobisi. Umzekelo: Mna andizukuba ndijikeleza ndithetha le nale, ndizakuya kanye kule ndawo kufele khona ithole kuyo. Iseme yintaka yasendle …
Amaqhalo ngokusebenza
Umzekelo: Incukuthu sisidleleleli kuba ifunxa igazi lomntu ukuze iphile. Umzekelo: uthi mandiwuthini lo msebenzi ungaka andithwalisa wona ndedwa, yinyand’ amatye le. Umzekelo: Ucelwe ngubani ke ngoku uNoqatiko kulo mcimbi selewungena ngeenyawo ezinodaka nje?
Amaphupha ngeempukane
Ukuba uphupha iimpukane, kunokuthetha ukuba kukho abantu abanomona ngawe kwaye banokuzama ukukukhathaza.