- Ukungqubanis’ iintloko: Ukugqugula. Umzekelo: Makhe sibonane bucala khe singqubanis’ iintloko sithethe ngalo mfana ungenasimilo.
- Ukudibanisa iintloko: Ukugqugula.
- Ukuhla entloko: Ukuqubula, ngakumbi ngentetho okanye ngezenzo.
- Buz’ entanyeni: Andinampendulo yalo mbuzo wakho. Yintetho ephoxayo buqhula netshiwo kumntu omdelileyo, okanye enikhula kunye, xa ebuza into ube ungafuni kumphendula ngokuthe ngqo.
- Aphel’ emqaleni: Ukungabinamazwi okuthetha ngenxa yokothuswa kukuva into obungalindelanga ukuba ungayiva. Umzekelo: UNantsi lo bendikade ndimthethelela ukuba ulungile, kanti hlenje nguye lo ukhokela obu bugulukuthu bugqibe le lali. Hayi aphel’ emqaleni kum.
- Ukuthetha izinto zomqala: Ukuthetha into eqale yafika engqondweni engahambisaniyo naleyo kuxoxwa ngayo.
- Ukuthetha izinto ezisuka egileni: Ukuthetha into engacingisiswanga ibe ingahambisani noko kuthethwa ngako.
- Ukuthethela egileni: Ukuthethela phantsi ingaviwa into oyithethayo.
- Ukuthetha utyhatyhiwe: Ukuthetha ngokungakhathali, uthethe loo nto iqale yafika engqondweni kwaye ungakhathali nokuba uvakalelwa njani na loo mntu uyibhekisa kuye loo ntetha.
- Ukuthetha kom’ amathe: Ukuthetha ixesh’ elide ungenasiqabu. Ukulumkisa umntu ekwenzeni into abe engaguquki kuloo nto alunyukiswa kuyo. Umzekelo: Hayi kaloku awunakundifanisa noLophoza. Xa enikwe ithuba lokuthetha uthetha kom’ amathe, engakhathali nokuba uphindaphinda int’ enye.
- Ukuthetha uNongqawuse: Ukuthetha into engumnqa. Ukuthetha into engakholelekiyo ukuba ingenzeka. Ukuthetha into engenakwenzeka. UNongqawuse yintombi ethile yomXhosa eyayiphila ngela xesha lokufika kwabaMhlophe kulo mhlaba wawumiwe ngamaXhosa. Ngaminazana ithile wathi evela kukha amanzi emlanjeni wabuya esithi ufikelwe zizinyanya emlanjen’ apho zaze zamyalela ukuba achazele abantu ukuba makutshatyalaliswe yonkhe imfuyo nezityalo. Kwakuthi ngomhla othile ilanga liyakuphuma libomvu, kuse iintlanti zabo zizele yimfuyo. Kuyakuthi xa lisiya kunina loo mini kuvakale isandi esikhulu ekuyakuthi emva kwaso kuvuke bonke abafileyo. Ngenene abantu bamkholwa uNongqawuse baza benza njengoko echazile kumbono wakhe. Lwafika lona usuku obeluxeliwe, lada layakutshona kungenzekanga nenye kwezo zazichaziwe. Kungoko xa kuthethwa uNongqawuse kuchazwa into engazukwenzeka.
- Ukuthetha amatswele: Ukuthetha into engenasihlahla.
- Ukuthetha asikokwenza: Musa ukuqhubekeka uveza amacebo okwenza into ungade uyenze.
- Utsho kwavokotheka: Uthethe koneliseka abamameli.
- Ushiye angalaziyo: Uthethe yonk’ into ayicingayo.
- Uthethe wophela: Ukuthetha kangangoko unako uzama ukubonisa omny’ umntu kwinto ayenzayo abe engaguquki kwimo akuyo.
- Ukuhlaba ifolo: Ukukhokela kuloo nto yenziwayo.
- Ukuhamba efolweni: Ukungaphambuki kuloo nto ixoxwayo.
- Amehlo akaphakelani: Abantu abayiboni ngokufanayo into enye. Umzekelo: Hayi andikuphikisi kule nto uyitshoyo, nam ndiyibona ngolu hlobo ndikuchazela ngalo. Kaloku amehlo akaphakelani.
- Ukuyana ngamehlo: Ukujongana ngelo kungqinelana ngemeko exoxwayo okanye abayibona ngokothusayo kwabo bajonganayo. Umzekelo: Uthe akuvuma uMenzi ukuba nguye lo wenze le nto, bayana ngamehlo ooNondaba nooZiqalakum.
- Ukungaboni ngasonye: Ukungavumelani kuloo nto kuxoxwa ngayo okanye yenziwayo. Umzekelo: Singade sibe singabahlobo, kodwa andizungakunqandi xa uphum’ endleleni. Noko asiboni ngasonye kule yokuthi phithi kwakho phandle ungabinalo nelencwadi zakho ixesha.
- Ukuqoba iliso: Ukuthetha ngamehlo ngokuthi uvale buqhwanyaza iliso elinye, usenza uphawu lokunxulumana nalo mntu umqobela iliso.
- Ukubaz’ iindlebe: Ukuphulaphula into ethethwayo.
- Ukubek’ indlebe: Ukumamela.
- Ukudlisa iindlebe ukutya kwazo: Ukumamela, ngakumbi into enomdla kuloo mntu umameleyo.
- Ukuluman’ iindlebe: Ukugqugula.
- Ukudlan’ iindlebe: Ukugqugula.
- Akubulelwa luvayo: Ndiyabulela kakhulu.
- Ndaze ndakuva zwindini: Ukothuka ukuva into obungalindelanga ukuba ungayiva.
- Andiva ziindevu: Andikuva ukuba uthini.
- Ukuv’ uvile: Ukungayamkeli ncam le nto ithethwayo.
- Uthoba sikutyele: Umntu ovuma nantoni na ayixelelwa nokuba ngubani na.
- Indaba yakwamkhozi: Incoko elihlebo. Umzekelo: Abayiphathi kwakuyiphatha, yindaba yakwamkhozi. Sesiyiva incokolwa apha ekuhlaleni.
- Indaba yakwantombi: Into abantu abangafuni kuthetha ngayo kwabanye abantu.
- Indaba yakwamkhwekazi: Ihlebo.
- Inyewe yakwamkhwekazi: Ihlebo.
- Into ayibethwa ngankana: Musa ukukhuphela yonke into kubantu basemzini.
- Ukuchamel’ incoko: Ukwenza into ecaphukisa lowo uyenza kuye. Umzekelo: Angathini uNonkani ndithi ndimnceda abe ehamb’ esithi akaludingi uncedo lwam, ze abe ngumyebelelana olusizana xa ephambi kwam. Uyichamel’ incoko kum, akazukukhotha naphantsi.
- Ukuvuma ngeempumlo: Ukuvuma ukrokra okanye ukuvuma ungavumi.
- Ukuvuma umhloko: Ukuvuma ngokungathi kukho into ekunukisela kakubi.
- Ukuphefumlelana: Ukuxoxa ngento nibonisane ngayo ukuze nithethe into evanayo.
- Umlomo awubolanga: Sebenzisa ukuthetha, ubuze xa into ungayazi. Kubhekiswa kumntu ongumhambi ongayaziyo indlela eya kwindawo afuna ukuya kuyo. Ithetha ukuba uyakuhamba ebuza ebantwini aph’ endleleni de ayifumane loo ndawo. Umzekelo: Nakuhamba nibuza ke madoda naphambili, imilomo yenu ayibolanga.
- Ngundaba mlonyeni: Yinto ekuthethwa ngayo ngabantu. Umzekelo: Hayi bo Nondaba, uyaqala ukuyiva lento ingundaba mlonyeni kangaka kule dolophu?
- Ukubeth’ emlonyeni: Ukuthetha ngeli lixa omnye esathetha. Ukuthetha into ebizakuthethwa ngomny’ umntu oncokola naye.
- Ukungena emlonyeni: Ukuthetha ngeli lixa omnye esathetha, Ukuthetha into ebizakuthethwa ngomny’ umntu oncokola naye.
- Ukufakana imilom: Ukugqugula.
Umzekelo: Makhe sithi gu bucala sifakane imilomo ngale nyewe.
- Ukuba ngumlomo: Ukumela omnye umntu ngentetho ebekumele yenziwa nguye.
- Ukuba nomlomo omde: Ukuthanda ukuthetha.
- Ukungabi namlomo: Ukuphelelwa ngamazwi okuthetha ngenxa yokumangaliswa yiloo meko uyibonayo okanye uyivayo, okanye nokuba yintoni entle eyenzeke kuwe ube ubungalindelanga ukuba ingenzeka.
- Ukwanda ngomlomo: Umntu onamacebo amaninizi kodwa angade enze nto ngawo.
- Ukuvula umlomo: Ukuthetha.
- Ukungawuhlanganisi umlomo: Ukuchaza imeko yokuvuyela into. Ukuphelelwa ngamazwi okubulela ngenxa yokwenzelwa into. Ukumangaliswa yinto eyothusayo obungalindelanga ukuba ingenziwa nguloo mntu uyenzileyo.
- Ukungawuvali umlomo: Ukuchaza imeko yokuvuyela into. Ukuphelelwa ngamazwi okubulela ngenxa yokwenzelwa into. Ukumangaliswa yinto eyothusayo obungalindelanga ukuba ingenziwa nguloo mntu uyenzileyo.
- Uthungwe umlomo: Uthule ekubeni kulindeleke ukuba athethe.
- Umlomo ugcwale/uzale: Ukuthetha into ungathandabuzi. Umzekelo: Yithi bhuti umlom’ ugcwale.
- Ukukhamis’ utyhale: Ukuthetha nantoni na eqale yafika engqondweni yakho ungakhathali nokuba ilumeza kanjani kwaye ingena njani kulo mntu uyisa kuye.
- Ukuphum’ into ngomlomo: Kubhekiswa kumntu oloqayo, othetha angemi.
- Akaphosanga nelimdaka: Ukuthula ungathethi nokuba sewuxhokonxwa ukuba uthethe. Umzekelo: Abantu baxoxe yada yayakuphuma intlanganiso wabe uVeli engaphosi nelimdaka.
- Akaphosanga nelepeni: Ukuthula ungathethi nokuba sewuxhokonxwa ukuba uthethe. Umzekelo: Akaphosanga nelepeni uThulani nangona wonk’ umntu ebenikwe ithuba lokuthetha.
- Ukuba sematheni: Into ekuthethwa ngayo mihla le ngabantu baloo ndawo.
- Ukuzekelwa amathe; ukuthetha into engavakaliyo. Ukushwantshatha xa uthetha.
- Ukoma amathe: Ukungabi nanto yakuthetha. Ukuthetha yonke into ofuna ukuyithetha kwaye waneliseke koko ukuthethileyo.
- Ukuba nolwimi: Ukuthutha indaba zabantu ungakhange ucelwe ukuba uzihambise, ukuxoka.
- Ukuba ngcungcu ngolwimi: Ukusasaza iindaba zabany’ abantu ungacelwanga ukuba uzihambise.
- Ukuba nolwimi olude: Ukuthetha iindaba zabantu ungathunywanga.
- Oonokrawuzana: Abantu abazingela basasaze iindaba. Umzekelo: Ndive ngoonokrawuzana ukuba umfundisintsapho oyintloko uceba ukuhamba.
- Ooqal’ azive: Abantu abazingela iindaba ukuze bazifumane zisophulwa.
- Ukoleka umsundulu: Ukuncedisa kuloo nto yenziwayo. Ukongeza amazwi kuloo nto ithethwayo.
Umzekelo: Ndithi mandoleke umsundulu kule ntetho igqiba kwenziwa nguChule.
- Ukukhatywa esifubeni: Ukuloqa, uthethe yonk’ into nengafanelwanga kuthethwa njee. Umzekelo: Hayi lowo ukhatywe esifubeni, uthetha nebekungafanelekanga azithethethe kwaye ezithetha nakubani na.
- Ukuzityand’ igila: Ukuthetha yonke into ekukhathazayo, ngakumbi kumntu omthembileyo ukuba uzakukunceda koko umazisa kona. Umzekelo: Ndingathini ukuzityand’ igila kuThembeka kanti iyakuba yinto aphunga ngayo le ndimxelele yona ngam.
- Ukungabi nasifuba: Ukungagcini ihlebo nakubeni ubuyalwe ukuba ungayithethi loo nto ubuyixelelwa. Umzekelo: Yhoo, akanasifuba lowo, ungabokuze umhlebele imfihlo yakho kuba iyakuthi saa le dolophu yonke.
- Ukungabi nambilini: Ukungakwazi ukugcina ihlebo.
- Ukuzikhupha inyongo: Ukuthetha yonk’ into oyaziyo ngento nakubantu ongabaziyo.
- Ukugudlana amagxalaba: Ukuxoxa umcimbi ningaviwa ngabany’ abantu. Umzekelo: Makhe sigudlan’ amagxalaba Sigqibo, sithethe ngale nyewe yala makhwenkwe.
- Kubulala okudliwayo: Musa ukukholelwa yiyo yonke into oyivayo.
- Ukubotshwa emnweni: Ukuthetha kakhulu ude uthethe nezinto obungafanelanga kuzithetha.
- Ukubeka umnwe: Ukugxininisa into.
- Into engenasihlahla: Unto engenamongo. Intetho engavakaliyo intsingiselo yayo.
- Into enesihlahla: Intetho evakalayo.
- Impendulo ehleli ezinzitsheni: Ukuba nempendulo ekhawulezileyo nechanekileyo.
- Ukuyibamba esinqeni: Ukungenelela into, nokuba ngumsebenzi okanye intetho, ekubeni ubungekho ukuqala kwayo.
- Ukuyibamba esiqwini: Ukungenelela into, nokuba ngumsebenzi okanye intetho, ekubeni ubungekho ukuqala kwayo. Umzekelo: Inika umdla le ngxoxo yenu, kodwa andiwufumani kakuhle umongo wayo kuba ndiyibambe esiqwini.
- Ukuyibamba emsileni: Ukufika xa umcimbi uqosheliswa. Umzekelo: Kaloku Majuba awunakukwazi ukuhlomla kulo mba singawo kuba wena uwubambe emsileni.
- Ukushiy’ amang’ emzini: Ukwenza into ngokufezekileyo. Ukwenza into ngokubaxekileyo.
Umzekelo: Akaxoki, ushiy’ amang’ emzini.
- Ukuyinyathela ngeenyawo: Ukungayibabazi into, uyifihle.
- Ukudla izithende: Ukuhleba, Ukuthetha kakubi ngomntu komnye umntu abe engekho lo kuthethwa ngaye.Umzekelo: Angathini ukundidla izithende ethetha izinto ezingekhoyo ngam ebantwini abe kweliny’ icala esithi ungumhlobo wam?
- Ukuhamba ze: Ukuphuhla entethweni oyenzayo. Umzekelo: Hamba ze mfondini sizokuva ukuba uthini na, ukuze nathi sihlomle.
- Ukudl’ imbadu: Ukuncokola.
- Ukudl’ imh: Ukungathethi uthethiswa.
- Ugqadambekweni: Ukungena into engakufuniyo okanye ongamenywanga ukuba uthath’ inxaxheba kuyo.
- Ukuthetha into ongayilimanga: Ukuvele uthethe ngokungakhathali, ungafakanga zingcinga kwintetho yakho.
- Ukuchuba iimbotyi: Ukuthetha yonk’ into ofuna ukuyithetha, ngakumbi into ebikade ifihlwa.
- Utyibela amakhambi: Uphindaphinda into enye xa ethetha.
- Ukuba sisaqhaga: Ukungabi nagalelo xa kuxoxwa.
Isaqhaga yimazi yenkomo ethi noxa ibhonxile lubisi kodwa ithi xa isengwa itsho ngenketshe-nketshana yobisi.
- Apho kufele khon’ ithole: Ukuya koyena ndoqo wento,
Umzekelo: Mna andizukuba ndijikeleza ndithetha le nale, ndizakuya kanye kule ndawo kufele khona ithole kuyo.
- Ukubetha koomofu: Ukuyenza mfutshane intetho.
- Ukubetha koozelekazi: Ukuyenza mfutshane intetho.
- Ukusenga kwezimithiyo: Ukuthetha into engekhoyo. Ukuphosisa.
- Ukuphum’ egusheni: Ukudiza ihlebo.
- Azitsali ngaxhatha linye: Abevani ngentetha okanye izenzo. Abasebenzisani.
- Unebala likaNtsho / Wabhabh’ uNtsho: Ihlebo lidulile.
- Ukuba ligiyo-giyo: Ukuthetha ungayeki, usenza ingxolo. Ukuthanda inyama,
- Iseme lizalela elubala: Umntu ongenamfihlo yanto, owenza izinto ekuhleni.
Iseme yintaka yasendle ebukhulu bungangengxangxosi kwaye nayo inesacholo oku kwengxangxosi, nakubeni esayo sahlukile ngokwakhiwa. Indlwana yalo yakhiwa nje ngamasetyana ambalwa, kodwa kuthiwa iwabeka nokuba kuphi na amaqanda ayo. Nokuwabeka iwabeka endaweni engafihlakalanga nokuba kusethafeni.
- Ukuba lihobohobo: Ukuthetha yonk’ into nakubantu ongamelwanga kuyithetha kubo.
- Betha soje: Yaneka umcimbi sizokwazi ukuhlomla. Thetha simamele.
- Ukubamb’ elentulo: Ukubamba okanye ukwamkela into ethethwe kuqala.
Umzekelo: Angafan’ ajike nje kwinto ebeyitsho kuqala. Andiyikhathalelanga enye nenye into ayitshoyo, mna ndibamb’elentulo.
- Inqweme lentulo: Ihlebo.
- Gqi uxam ezingcongolweni: Ukudizeka kwehlebo.
- Umongo wento: Oyena ndoqo wento. Umzekelo: Kudala uthetha mfondini kodwa aside siwufumane umongo wale ntetho yakho.
- Singasemoyeni: Sizakuziva iindaba.
- Ukuwela iQhorha neQwaninga: Ukuthetha ixesha elide ungade uyeke.
- Ukuhlahl’ indlela: Ukuqala into, njengentetha, ekumelwe ukuba yenziwe ze abanye balandele ekhondweni lakho.
- Ukunqika iziduli: Ukudiza ihlebo.
- Ukugabul’ izigcawu: Ukwenza intshayelelo. Intetho emfutshane eyenziwa ngaphambi kokuba kuthethe isithethi esiphambili.
- Ukugalel’ amanzi: Ukutyhafisa intetho okanye izenzo zomny’ umntu.
- Ukubulal’ inyoka: Ukuhlanganelwa ngabantu abaninzi ngaxeshanye engxoxweni nakubeni sewubonakalise ukwamkela ukoyiswa.
Umzekelo: Hay’bo maqela, sendivumile nje ukuba ndiyaniva. Yini nide nindipakanyele ngathi nibulal’ inyoka, ndivile kwaye ndiyangqinelana nani.
- Ukuva ngeempukane eziluhlaza: Ukuva iindaba ngabantu abazivileyo kwaye ungafuni kuchaza ukuba uzive ngabani na.
- Ukuba yimpukane elubisini: Ukugxuphuleka entweni engakufuni nganto kwaye uyone.
- Ukuhlinza intakumba: Ukugqugula.
- Ukwenza amagqabantshintshi: Ukwenza isishwankathelo sentetho. Ukungayenzi nde intetho yakho.
- Ukubek’ ingca: Ukuyeka ukwenza into. Umzekelo: Xa umntu ebethetha ze afike ekugqibeleni kwentetho yakhe uzakuthi, ‘mandibek’ ingca kuloo ndawo’ abe seleyeka ukuthetha.
- Ndisatshaya; ndisanqumama ukuthetha. Umzekelo: Ewe nto zobawo bendithi mandiphose loo mazwi. Ndisatshaya.
- Ubik’ imbiba, ubik’ ibuzi: Uthetha le abuye athethe leya ibe ikhabana nale ebeyitsho kuqala.
- Ukuhlinz’ impuku: Ukugqugula bucala.
- Kubethw’ iintonga: Iingxoxo zishushu kangangokuba akukho cala lithobela elinye.
- Umdengeentonga: Noko emfutshane ngesithomo ulichule lokubeka umcimbi ngamazwi.
- Ayithethelwa eziko: Iindaba azithethwa kukho umntu ongamelwanga kuziva.
- Ukubikela amaziko: Ukubika udaba kubantu ngabantu ngokwengingqi sokuhlala kwabo.
- Kungaqhuma kubasiwe: Angakrokreleka ukuba uyenzile into kusenokuba uyachaphazeleka. Kungathethwa ngayo into kusenokwenzeka ukuba yenzekile.
- Intlaba-zahlukane: Ukungevani ngezimvo, izinto ezingahlanganiyo.
- Laphum’ iqhinga embizeni: Yavel’ into ebikad’ ifihlwa.
- Ukuba semxholweni: Ukungaphambuki kwinto ekuxoxwa ngayo.
- Ukugabula umbethe: Ukwenza intshayelelo. Ukutshayelela.
- Imbulambethe: Intshayelelo.
- Ukuxhaph’ amagwebu: Ukumela, uthethele into onganelisekiyo yiyo.
- Umpompo ayivalwa: Umntu othetha angayeki.
- Zimnandi ngokwabelana: Musa ukuzibulala ngomvandedwa, yabela abanye abantu bakuncedise.
- Amade ngawetyala: Mandingoluli ukuthetha, ukwenza umlembelele wentetho kungakhokhelela ukuba ude uthethe nezinto ubungafanelanga kuzithetha.
- Ukuthi thsuphe: Ukuthetha into ungadanga ungene kumongo wayo.
- Akuthethwa eyezeni: Akukho thuba lakuchaza ukuba kwenziwani na, wena vela wenze loo nto yenziwayo.
- Ukungabi ngumva wekhabhathi; Ukungafihli nto. Umva wekhabhathi akululanga ukufikelela kuwo mihla le uwucoca. Ngoko ke uthanda ukugcina amabibi, njengothuli okanye izindlu zezigcawu, iincukuthu ezifileyo neziphilayo, ndibala ntoni na. Xa umntu esithi akangomva wekhabhathi uchaza ukuba akanakugcina hlebo yena.
- Ukugwadl’ inyewe: Ukuxoxa umcimbi.
- Ukubeka elubala: Ukungafihli.
- Ukuphuma elubala: Ukuvela esidlangalaleni ukuze uthethe into oyaziyo ngaloo nto kuxoxwa ngayo.
- Ukuthetha elubala: Ukuthetha into oyaziyo ngaloo nto kuxoxwa ngayo, ungafihli nto.
- Ukubeka ibala: Ukugxeka.