Izaci ngencoko
Umzekelo: Makhe sithi gu bucala sifakane imilomo ngale nyewe. Umzekelo: Ndithi mandoleke umsundulu kule ntetho igqiba kwenziwa nguChule. Umzekelo: Akaxoki, ushiy’ amang’ emzini. Isaqhaga yimazi yenkomo ethi noxa ibhonxile lubisi kodwa ithi xa isengwa itsho ngenketshe-nketshana yobisi. Umzekelo: Mna andizukuba ndijikeleza ndithetha le nale, ndizakuya kanye kule ndawo kufele khona ithole kuyo. Iseme yintaka yasendle …