Amaqhalo ngobunzima neengxaki
Umzekelo. Hayi uQhophololo undithwalisa inyanda yamathumbu, angathini athi ewazi umthetho abe esithi mandenze into enxamnye nomthetho?
Umzekelo. Hayi uQhophololo undithwalisa inyanda yamathumbu, angathini athi ewazi umthetho abe esithi mandenze into enxamnye nomthetho?
Umzekelo. Uyakuthini uZikali ukuba lo nyana wakhe akaphumelelanga emagqabini njengokuba edlisela ngaloo nto nje? Kanti ke igugu lingabalikhulu umbombo uyaqhosha. Umzekelo. Hayi ulijijile eli rhewu, lithi ndisele. Inene ungavimb’ ixhewukazi lisifa lungcume. Umzekelo. Kanti ndifun’ukuya ngokwam kule mbizo yenkosi, ndingeva ngokuxelelwa ukuba bekusithiwa, kaloku indab’ otyelo ayikholi bafondini. Umzekelo. Ndiyaxolisa ukuthetha nawe ngolu hlobo mkhuluwa, …
Ukuba uphupha usebenzisa ikhuba, intsingiselo inokuxhomekeka ekubeni uphumelele okanye hayi. Ukuba unokulima intsimi ngempumelelo, unokuba nethamsanqa kubudlelwane bakho, kodwa ukuba uyasokola, kunokuthetha ilishwa kunye nengxaki emsebenzini.