Amaqhalo ngobunzima neengxaki

  • Izinyo eliqaqambayo liviwa ngumninilo: Ingxaki yomntu yaziwa ngumniniyo. Hayi ukubabuhlungu kwalo izinyo xa linengxaki, kodwa ezo ntlungu aziviwa ngomnye umntu ngaphandle kokuba axelelwe ngulo uqaqanjelwayo ukuba unezinyo elibuhlungu.
  • Isilonda siphola ngokuthunukwa: Xa unengxaki yiphalaze kumntu ozakukunceda ekuyisombululeni.
  • Umazi wendlela ngowakha wayihamba: Izinto ezixakayo zibuzwa kumntu onamava okuzisombulula.
  • Isisila senkuku sibonwa mhla ligquthayo: Isimilo somntu sibonakala mhla asengxakini.
  • Inkomo ikhab’ oyisengayo: Akukho mntu unokuba sengxakini engakhange ayiqale ngokwakhe.
  • Unyoko walotyolwa ngamakhuba: Kutshiwo kumntu osoloko ambethwe ziingxaki.
  • Ukuphalisa ihashe ngaphandle kwesingqwashu: Ukuzifaka engxakini. Isingqwashu lilaphi okanye isijungqe sengubo okanye irhonya elibekwa phezu kwehashe ngaphambi kokuba ubele isali, kwenzelwa ukuba ihashe lingatyatyulwa yisali okanye nawe ungatyabuki xa ulikhwela ngaphandle kwesali.
  • Isiziba ziviwa ngodondolo: Musa ukuzifaka entweni ungabuphononanga ubunzulu bayo. Udondolo yintonga ebisakusetyenziswa ukuvavanya ubunzulu bomlambo xa kuwelwa.
  • Uthathisele amathole eng’ang’ane: Uzibizele ingxaki ngokona umntu ongazukukuyeka de aziphindezele kwinto embi omenze yona. Ing’ang’ane yintaka enkulu enokuba kumlinge womqhagi osel’ ukhule kakhulu. Linomlomo omde. Kuthiwa xa uthathe intshontsho leng’ang’ane lilwa nawe kwaye alizukuyeka ungadanga waliyeka elo ntshontsho. Uba ngatshona ngapha libekeke emva kwakho, phofu likuthwaxa nangamaphiko nangemilenze kangangendlela elingakonwabisi ngayo uyakuncama uliyeke.
  • Isihlangu siviwa ngumniniso ukuba siyaluma: Ubunzulu bengxaki baziwa ngumniniyo.
  • Uyakuhlangana nenyoka iphung’ umhluzi: Uyakugagana nengxaki.
  • Ikhuba livumbulule ifubesi: Ukuziqhwayela ingxaki enobungozi. Kukho isele elikhulu abanye abathi yindubula, abanye bathi lifubesi. Eli sele lithi xa lihlangana nengozi livele ligqume oku kwenkuzi yenkomo, livuthelane de ligqabuke. Kuthiwa loo ncindi yalo ephuma xa ligqabukile inetyefu enokubulala nantoni na echatshazelwe yiloo tyhefu. Liyathanda ukuhlala phantsi komhlaba eli sele. Ukuba liphantsi komhlaba emasimini kuyenzeka ukuba lingavunjululwa likhuba xa kulinywa. Ukuba lithe lavunjululwa lizakutsho ngeso sandi salo, lithi lisaqala ukubhonga zivele zingalawuleki iinkomo ezilimayo. Zingabaleka nezo dyokhwe, zidlokove de zipheqe nokupheqa. Ngelo xesha nazo ziyabhonga. Ungasinda kule meko xa ngaba ikhuba lithe lalenzakalisa elo sele. Loo nto yenza lingakwazi nokubhonga nokukhukhumala.
  • Uzithezele isikhuni somhlakothi: Ukuzilandela ingxaki ekungelula ukuzikhupha kuyo. Umhlakothi ngumthi okhula phaya endle. Kuthiwa xa ubase iinkuni zomhlakothi zivele zitsho ngomsi onganyamezelekiyo kube kwelinye icala zingayekanga ukutaka iintlantsi.
  • Ukuzixhoxhela isikhuni somhlakothi: Ukuzibizela ingxaki. Njengokuba kuchaziwe ngentl’ apha, xa ubasa iinkuni zomhlakothi ziyaqhuma kwaye zenza iintlantsi. ngoku xa uzakuphinda usixhokonxe eso sikhuni usibasileyo sakutaka iintlantsi okokoko, sibe singayekanga ukuqhuma. Uyakufa lungcume ngapha, ube uphepha iintlantsi kweliny’ icala.
  • Umhlaba omagad’ ahlabayo: Kutshiwo xa kunconywa ubunzima obufumaneka ngokuphila aph’ emhlabeni.
  • Ukuthwalisa inyanda yamathumbu: Ukuxakekisa umntu ngento ekungalulanga ukuyenza. Akukho lula ukuqokelela amathumbu kuba uthi uwaqoqosha ngapha abe ephutshuluka kweliny’ icala. Kubeka phi ke xa uzakuwathwala entloko?

Umzekelo. Hayi uQhophololo undithwalisa inyanda yamathumbu, angathini athi ewazi umthetho abe esithi mandenze into enxamnye nomthetho?

  • Ukukhwelisa inja enqweleni: Ukwenza umsebenzi ekunzima ukuwufeza. Uthi ulungisa umntu abe ebuyela kule nto umlungisa kuyo. Wena wakhe wazama ukukhwelisa inja enqweleni, uthi ugqiba kuyikhwelisa nje xa uyiyeka ibe seyisiya kwela cala isehla. Iyakuba nguloo dulubhentsu ke ude ube uyayincama.
  • Uzinqikela ilitye elineembovane: Ukuzibizela ingxaki.
  • Uzinqikela ilitye elinenkume: Ukuzifaka engxakini.
  • Ukubamba ilahle elivuthayo: Ukuziqhwayela ingxaki.
  • Ukukhawulela iinkawu zisiyakusela: Ukutsibela into ekude kunawe, ukuzifaka engxakini.
  • Ukuhlangana neembila zichithakala: Ukuvelelwa yingxaki.
  • Ukunyathel’ ingwe emsileni: Ukuzibizela ingxaki.
  • Ukuzifaka emlonyeni wengonyama: Ukuzifaka engxakini.
  • Ukunyathel’ ingwe emsileni: Ukuzibizela ingxaki.
  • Amazwembezwembe kaGxuluwe nabaThwa: Ingxaki ekunzima ukusombululeka.
  • Umaf’ evuka njengenyanga: Umntu ongakwamkeliyo ukohlulwa nakubeni esoyiswa rhoqo, ingxaki ebuya ithi gqi ngoku besekucingwa isombululekile.
  • Ukuhlala phezu kwamalahle atshisayo: Ukuba nengxaki. Ukuba kwimeko enganyamezelekiyo.

Leave a Reply

Bhalisela ku-Whatsapp Bhalisela indaba lwazi yethu