- Igugu lingaba likhulu umbombo uyaqhosha: Akulunganga ukuqhayisa ngento ungekayifumani impumelelo yayo kuba uyakusuka uphoxeke ingenzeki ngolu hlobo ulindele ngalo.
Umzekelo. Uyakuthini uZikali ukuba lo nyana wakhe akaphumelelanga emagqabini njengokuba edlisela ngaloo nto nje? Kanti ke igugu lingabalikhulu umbombo uyaqhosha.
- Ungavimb’ ixhewukazi lisifa lungcume: Ukuncoma ubumnandi bento oyityayo kangangokuba ungabinamdla wokwabelana ngayo.
Umzekelo. Hayi ulijijile eli rhewu, lithi ndisele. Inene ungavimb’ ixhewukazi lisifa lungcume.
- Indaba yotyelo ayikholi: Ukufuna ukuzivela ngokwakho into ungevi ngobaliselwa.
Umzekelo. Kanti ndifun’ukuya ngokwam kule mbizo yenkosi, ndingeva ngokuxelelwa ukuba bekusithiwa, kaloku indab’ otyelo ayikholi bafondini.
- Asinto kwakulalwa kutyiwe yona leyo: Asikukuphela kwento emayithethwe okanye yenziwe.
- Umlomo awubekwa siziba: Umntu akanqandwa kwinto afuna ukuyithetha. Umzekelo. Kanti ke andizukungathethi xa ndifuna, umlomo awubekwa siziba. Esi siziba kuthethwa ngaso apha lilaphi elithungelwa ukuvala ukukrazuka kwempahla.
- Umlomo usindwe yimpumlo: Ukuphulukwa ukuthetha, ukuziva sewuthethe into obungazimiselanga kuyithetha.
Umzekelo. Ndiyaxolisa ukuthetha nawe ngolu hlobo mkhuluwa, bendingazimiselanga ke noko ntonje umlomo usindwe yimpumlo.
- Mlom’ am ndakuph’ iilekese: Andisoze ndiwuvule kwa ukuwuvula ndithethe umlomo wam.
- Ukukhanyela ume ngomlenz’ omnye: Ukukhanyela into otyholwa ngayo nokuba sewuxinwe kangakanani na ukuba uvume elo tyala.
- Uginye itapile elishushu: Uyashwantshatha. Uthetha into engavakaliyo.
- Waliwa kukutya kokusila: Ukungabinambulelo ngento oyenzelweyo.
- Ukudyobha ngobubende inyama ungayityanga: Ukutyhola umntu ngento angayenzanga.
- Uninzi luyabona ububende: Izinto ziyonakala xa zingenelelwa ngabantu abaninzi abangadingeki nganto. Phambili phaya, mhlawumbi nangoku kwezinye iindawo, bekuthi xa kuxhelwa impahla emfutshane ekhaya amakhwenkwe akhongozele ngesitya igazi elitsaza xa inqunyulwa loo mpahle. Eli gazi ke beliyekwa linqume ze lidityaniswe namanqatha nokuba ngawomhlehle okanye athi acuntsulwe kula adla ngokusala efeleni. Elo gazi linqumileyo, ihlwili, elidityaniswe nalo manqatha liyaphekwa, xa livuthiwe ke kuthiwa bububende. Ububende ke buyatyiwa.
- Ukudyobha ngenqatha inyama ungayityanga: Ukutyhola umntu ngento angayenzanga.
- Ukubhibhidl’ amazinyo okosana: Ukuthetha into engenasihlahla.
- Inkuku isikwe umlomo: Utsho wathula akabi nampendulo. Usuke akabinanto yakuthetha.
- Ukujijisana ngethambo elingenanyama: Ukuxoxa niphikisana ngento engenamsebenzi.
- Izithukuthuku zenja ziphelela eboyeni: Intetho yomntu ojongelwe phantsi ayisiwa so. Ukuba nomsindo kungekho nto uzakuyenza ngawo. Umbilo wenja awubonakali, nokuba ingabaleka kangakanani na akusoze kubonakale nokuba ibilile na okanye ayibilanga kuba uba ngaqwalasela usuke ubone uboya. Mhlawumbi ukubila kwayo, ukuba kukhona, kugqunywe buboya. Izithukuthuku ngumbilo.
- Enamasi ayisengelwa phantsi: Umntu onamacebiso alungileyo makahoywe nokuba seledelekile.
- Inkomo enomlomo ayinamasi: Umntu othetha kakhulu angenzinto ngezandla zakhe. Umntu othetha kakhulu kuvamile ukuba angabinalwazi.
- Intambo yokubhabhisa ayibinde: Xa uthetha, amazwi akho mawabembalwa kodwa angqale kule nto kuxoxwa ngayo, ungabe ugwegweleza.
- Akafihli makhuba kulinywa: Ukuthetha ngokuphandle, ungafihli nto, xa kuphethwe umcimbi.
Umzekelo. Ndimthanda ngaloo nto uSithethi, akafihli makhuba kulinywa, sithi siphethe umcimbi kube kujikelezwa kungayiwa kule nto kufanelwe ixoxwe.
- Uhili uphumile ezingcongolweni: Ihlebo livelile.
- Andizukubasa madaka, ndizakubasa iindiza: Intetho yam izakubamfutshane. Xa kuthethwa ngamadaka kudla ngokubhekiswa kumalongwe amanzi. Xa ubasa la malongwe kuthatha ixesha elide ukuba avuthe. Kwelinye icala umlilo weendiza ezomileyo ngubhanga cimi. Oko kukuthi uvutha ngokukhawuleza zitshe ziphele ngokukhawuleza nezo ndiza, kusale uthuthu kuphela kuba iindiza azibinawo namalahle.
- Umbengo omde uyawucima umlilo: Mandipheze ukuthetha.
- Akukho kwayama ngomfo olambayo: Musa ukuthembela kwingxoxo ezililize ukuxoxa imeko enzima.
- Inxeba lendoda alihlekwa: Musa ukuhlekisa ngentlungu yomntu, hleze ibenguwe ngomso.
- Kulapho iintonga azibeke khona: Nantsi eyona ndawo intetho yakhe igxile kuyo.
- Ithumba liphola ngokuchanjuzwa: Maxa wambi kuyadingeka ukuba uberhabaxa xa ulungisa imeko. Kuhle ukuba ukhe uyithethe nakomnye umntu ingxaki yakho kuzokuthi thimbilili.
- Yinjece yabantu ababini: Igqugula.
- Wayakuma ngeempondo kwaNongxi: Umntu ophumelela ingxoxo ngokusithela ngento engetheni nanto nezo ngxoxo. Ukuthi xa usengxakini yokohlwaywa ngezenzo zakho ubalekele kumntu ohlonitshiweyo usithela ngaye ukuze ungenziwa nto ngokona kwakho.
- Inqweme lenkawu lidliwa babini, owesithathu ngumnqakathi: Umcimbi ufanelwe ukuchotshelwa ngabantu abambalwa.
- Akukho nto itheni ibingathangani: Akukho nto ibaluleke ngayo loo nto bekuxoxwa ngayo. Akukhonto intsha kuloo nto.
- Ukuphinda iminyani eseyibhuliwe: Ukubuyisela umva kuxoxwe ngento esele ixoxwe yagqitywa. Xa sinokubhekisa emboneni singathi iminyani yimipha. Ithethe ukuba lo mntu uchuba umpha osewuchutyiwe. Kanti ke ukuba sithetha ngeembotyi okanye ii-ertyisi sithetha ngekhoba eli ligcina ubuqu bembotyi okanye ii-ertyisi. Ukuphinda uzibhule ngoku sezibhuliwe wenza into engenanjongo zifanelekileyo kuba akuzukuphuma ezinye iimbotyi kuloo makhoba.
- Ukukhatywa yinciniba esifubeni: Kubhekiswa kumntu olophozayo, othetha kakhulu, de athethe noko bekungamelwanga ukuba uyakuthetha.