Amaqhalo ngamashwa

  • Ubutyebi abufunyanwa ngelanga: Impumelelo iyasetyenzelwa.
  • Ungakhwazi ungekaphum’ ehlathini: Musa ukubhiyozela impumelelo ungekayigqibi into oyenzayo.
  • Amanzi mawachithwe inkuku ibalekile: Makuyekwe kuba ayiphumeleli loo nto bekuzakudityanwa ngayo. Mandulo phaya zazingekho iihoko zeenkuku. Iinkuku zazihlala phaya ezinkunini. Xa kuzakuxhelwa inkuku bekubiliswa amanzi ukwenzela ukuyixhwitha iintsiba. Xa amanzi seletsholoza ezakubila umama uyalela ukuba loo nkuku ayikhombileyo mayibanjwe. Yeka ke ukubaleka inkuku, yeka ke ukuleqwa kwayo! Ngamany’ amaxesha ke ikhe ileqwe ingafunyanwa. Ngolo hlobo isindile ekuxhelweni. Nalo manzi bekuzakuxhwithwa ngawo awasenamsebenzi ongulo ebebiliselwa wona. Xa engazukuwenza umsebenzi wawo kumelwe achithwe.
  • Ukufukama phezu kwamaqand’ abolileyo: Ukwenza into engasi mpumelelweni.
  • Akukho nkwali iphandel’ enye, eyenjenjalo yenethole: Umntu uzenzela ngokwakhe indlela eya empumelelweni. Inkwali yile ntaka abanye bathi sisakhwatsha. Ingaphantsana kancinci kwezi nkuku kuthiwa ngoonondala.
  • Isikhova sidla ngeso laso, esimehl’ ankungu sifa yindlala: Umntu ngamnye uphila ngokusebenza nzima, olinqenerha akaphumeleli.
  • Esihleliyo sidla ukuhlala, esiphilayo sesithwethwayo: Umntu uphila ngokuziphandela, inqenerha aliphumeleli.
  • Akukho ndlela yenqwelo engenamajikojiko: Akukhonto ingenamiqobo xa uyenza.

Leave a Reply

Bhalisela ku-Whatsapp Bhalisela indaba lwazi yethu