Izaci ngemozulu

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Ligqats’ ubhobhoyi: Kushushu kakhulu. 
  • Limathumb’ antaka: Izulu lisibekele. 
  • Limathumb’ esikhwenene: Izulu lisibekele. 
  • Likhuph’ untulo ematyeni: Kushushu kakhulu. 
  • Liyagqekreza: Kutsho iindudumo nemibane. Isikweko xa umntu engxolisa omnye umntu ixesha elide, ekhwaza. 
  • Limathumb’ esagwityi: Izulu lisibekele. 
  • Likhuph’ intlanz’ emanzini: Kushushu kakhulu. 
  • Likhuph’ unonqana ejojweni: Kushushu kakhulu. 
  • Ilanga limile: Kutshiwo xa kushushu kakhulu ehlotyeni, malunga nasemin’ emaqanda. Ibangathi ilanga alihambi. 
  • Amath’ empukane: Umkhumezelo, umkhwitsho

Leave a Reply