Izaci ngenkani

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Ukungabi nantloko: Ukusoloko uzimisele ukulwela into ongayiqondiyo. Ukuthanda ukwenza ngokwentando yakho nokuba iyaphikisana nemithetho kwaye ungeva naxa ukhalinyelwa. Ukumela amalungelo akho okanye awabany’ abantu kwaye uzimisele ukucel’ umngeni nakubani na owanyashayo. Umzekelo: Yhoo, andifuni nokumqala ndibuze uNkathazo ngale nto ayenzileyo. Kangangendlela angenantloko ngayo angandiphoxa phakathi kwaba bantu. 
  • Ukungena ngentloko: Ukutyhudisa ukwenza into nokuba awunandlela yakuyenza. 
  • Ukuba nentamo elukhuni: Ukungeva xa ulunyukiswa entweni. Ukungajiki kwinto okholelwa kuyo nokuba ikuzisela iingxaki. Umzekelo: Nokuba ungazama kangakanani ukumchazela, akukho themba lokuba angaguquka. Unentamo elukhuni. 
  • Ukuqinis’ intamo: Ukwenza ngathi awuva xa kuthethwa nawe. Umzekelo: Yintoni waqinis’ intamo, awuva ukuba ndiyakubiza? 
  • Ukungenwa liphela endlebeni: Ukungeva xa ulunyukiswa entweni, suka uphinde wenze lento ubunqandwa kuyo. 
  • Ukuthwala ilizwe ngesifuba: Ukuba namaphiko. 
  • Ukuthwala amanzi ngesifuba: Ukuba namaphiko. 
  • Ukumila ingc’ emqolo: Ukuxolela nantoni na enokwenzeka kunokuba wenze into ongathandiyo ukuyenza.  Umzekelo: Ndixolel’ ukumil’ingc’ emqolo kunokuba ndiyeke uNdoyisile abange inkabi yehashe kabawo athi yeyakhe, ngunongekh’ ehle lowo. 
  • Ukuva kunye negusha: Ukungeva ziyalo. 
  • Ulilitye: Umntu oneenkani, ofunga akajiki. 
  • Ukuba lisele: Ukuba neenkani. Ukuba ukhe uqaphele isele xa kunetha ze lingene emnyango endlwini, uthi ulitshayela ulikhupha libe lixhuma lingena endlwini. Iyakuba ngaloo matiletile ke ukujijisana nalo uzama ukulikhupha, libe nalo lixhuma lifuna ukungena.

Leave a Reply