Imibongo yesiXhosa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Inkcazelo yombongo Ezinye iincwadi zesiXhosa ezixoxa ngomcimbi wemibongo kunqabile ukufumana inkcazelo yokuba yintoni kanye umbongo. Into esuka ifumaneke kukuchazwa kweentlobo zemibongo kwakunye neentlobo zeembongi. Mhlawumbi ke kusenokuba ziyaphosakala ezo zichazayo ukuba yintoni na umbongo. Kodwa kuvamile ukuba kungabikho nkcazelo, kungatshiwo ukuba azikho ezikwenzayo oko. Kunqabile ke ukuyifumana inkcazelo nakumaqonga okukhangela e-elektroni. Okwangoku makhe senze le …

Funda okunye

Iintsomi zesiXhosa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Iintsomi ngamabali amafutshane abalisa ngezinto ezazisenzeka mandulo. La mabali abalisa ngeziganeko ezithile ezazisenzeka. Kungoko kwezinye izizwe zesiNguni kusithiwa ziinganekwane. Izinto ezazisenzeka ziziqebheyi zemilingo nemimangaliso ekunzima ukuzikholelwa ubukho bazo xa kuthelekiswa nezinto ezenzeka kula maxesha. Nakubeni zingumnqa nje ezo zinto akukwazeki ukuqinisekisa ukuba zazikho yini na. Zonke izigigaba ezenzeka entsomini zibalelwa ekubeni zingumfuziselo wentlalo nempilo enqatyisiweyo …

Funda okunye